UAlexander uthathwe yiSuperSport

ISuperSport United kubonakala ngathi ifuna ukubonisa amandla enawo kwicala lemali ngokuthi itsalele kuyo abadlali abaziwayo ingakumbi abo bebegxeleshwe ngamaqela amakhulu.

Eli qela livumelene nomdlali wePolokwane City, uCole Alexander, ekudala kuvakala into ethi ufunwa ngamaqela amakhulu aseGoli.

Kulindeleke ukuba awelele kweli qela lasePitoli emva kokuvumelana ngokutyiktya isivumelwano seminyaka emibini phambi kokuqala kwesizini ezayo.

Lo mdlali akavumanga ukusihlaziya isivumelwano sengqesho kwiPolokwane City nangona izenzile iinzame zokumgcina kwiincwadi zayo.

UCole ngumdlali siswini odlala ngokuzimisela futhi ukwangomnye wabadlali siswini abakwinqanaba eliphezulu apha eMzantsi Afrika, kodwa ukhe wahlala ngaphandle ngenxa yokukhathazwa kukonzakala.

Ngenxa yomsebenzi wakhe omhle nesakhono sakhe esisulungekileyo sokudlala ibhola ekhatywayo uzibone ebizelwa kwiqela lesizwe, iBafana Bafana, ngumqeqeshi uShakes Mashaba.

KwiSuperSport United uza- kufikela kumqeqeshi wayo omtsha, uStuart Baxter, ongene endaweni kaGordon Igesund ogxothwe phambi kokuphela kweveki ephelileyo.

Akufanelanga kube nzima kangako kulo mdlali ukwamkeleka kwindlela asebenza ngayo uBaxter ngoba uyindoda ebathanda kakhulu abadlali abazimiselayo emsebenzini wabo.

Amatsatsantsa A Pitori bekulindeleke ukuba ibengawo agqugqisayo kwi-Absa Premier Soccer League kule sizini ka-2015/16 ngoba lelona qela likwazileyo ukutsalela kulo abadlali abathe qabavu.

Wonke umntu olandela ibhola ebelindele iSuperSport Uinted ilwele indawo yokuqala emva kokufumana abadlali abafana nokapteni weBafana Bafana, uDean Furman, uBongani Khumalo [bobabini bebesuka kumaqela aseMangesini] nabadlali abanefuthe elimandla kweli qela, uMichael Boxall noJeremy Brockei, ophakathi kweefolossi ezimbalwa ezoyikwayo kwiPSL.

Ngenxa yendawo ekuyo ngeli xesha le sizini, uBaxter, unoxanduva lokuphetha isizini mhlawumbi ephakathi kwamaqela asibhozo ukuze kwisizini ezayo azokwazi ukulwela indebe yePSL.

pedro.mapelo@inl.co.za