UBabalwa ufike wayintshatsheli eSpain!

UBabalwa Latsha ufike wayintshatsheli kwilizwe laseSpain.

Imbokodo yeli lizwe ifike yenza ezibukwayo embhoxweni waseSpain ekuqaleni kwalo nyaka.

UBabalwa Latsha ube ngumdlali wokuqala omnyama eMzantsi Afrika oye wanethamsanqa lokudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu ngethuba etyikitywa liqela laseSpain ekuthiwa yiEiba.

Le ntokazi, eyazalelwa kwaBhaca kodwa yakhulela eKapa yatsala umdla wabachongi beqela laseSpain xeshikweni idlalela iqela lesizwe lebhola lamanenekazi (Springbok Women) ekuzeni kuphela kuka2019 eMpuma Koloni.

“Ndakhethwa ngabachongi baseSpain ababeze apha eMzantsi Afrika ngethuba iSpringbok Women sidlala eBhayi. Bandibona apho ke, baze bathetha nam. Ndaya njalo kwilizwe laseSpain,” utshilo uKapteni weSpringbok Women, osele enze izinto ezinkulu embhoxweni eminyakeni emihlanu qha ewudlala nangona iyinto angazange wanephupha ngayo esemncinane.

Nangona imidlalo ehlabathini lonke iphazanyiswe kukuqhambuka kwekhorona kodwa izikhulu zombhoxo eSpain zagqiba kwelokuba iEiba Rugby ibe zintshatsheli nangona isizini ibingagqitywanga.

Iqela likaLatsha belikwindawo yokuqala, liqokelele amanqaku amaninzi futhi lingekho qela elinokuyogqitha ngamanqaku kwimidlalo emibini ebingadlalwanga.

Nangona kuye kwanyanzeleka abuyele ekhaya ngenxa yekhorona, iindaba zokuphumelela kweqela lakhe zimchwayitisile kakhulu uLatsha kwaye uthi angabuyela eSpain ukuba anganikwa elinye ithuba.

“Kuye kwanyanzeleka ndibuyele ekhaya ngenxa yekhorona. Ndiqale ukudlalela iEiba ekuqaleni kwalo nyaka. Ndatyikitya isivumelwano sengqesho seenyanga ezintathu kuphela. Ndiyidlalile isizini, kwashiyeka imidlalo nje emibini. Kwimidlalo esixhenxe, ndilele emgceni kalishumi elinantathu (13). Iqela lam lizintshatsheli emva kokuchithwa kwesizini liphezulu,” utshilo uLatsha.

Ebalisa ubomi bakhe eSpain, uLatsha uthethe wenjenje: “Ubomi bam eSpain bebunomahluko ngenxa yezinto ezifana nemozulu, ulwimi oluthethwayo, ukutya nesimo nje sentlalo.

Kwaye kwanyanzeleka ndiziqhelanise nemeko yaphaya ngokukhawuleza. Ndifunde izinto ezininzi kwaye nengqondo yam iye yavuleka ndatsho ndabona izinto esisilela kuzo apha kodwa nabo abangezenzi kakuhle phaya. Kodwa ndingatsho ukuthi bekumnandi ukudlala eSpain. Ukuba kungavela elinye ithuba, ndingaphindela nakanjani.”

ULatsha waqala umbhoxo emva kokucelwa ngamantombazana abe yinxalenye yeqela lombhoxo kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni (Univesity of the Western Cape) ngo2014 ngethuba engumfundi khona.

Kunyaka olandelayo, uLatsha uye wadlalela iWestern Province waze wanceda neSpringbok Women esiza kudlala indebe yehlabathi kunyaka ozayo ukuba idambile ikhorona.