UBale angalandela uBenitez

Umanejala omtsha weReal Madrid, uZinedine Zidane, ulumene iindlebe kwangoko kule veki nomnye wabadlali abaphambili kweli qela, uGareth Bale.

Iingxelo zamajelo endaba zithi lo mdlali uphoxekile kukugxothwa kukaRafael Benitez, obengumanejala kweli qela iinyanga ezisixhenxe, ekuqaleni kwale veki yiMadrid, futhi lo nto ibangele ukuba kubekho ukuthandabuzeka ngokuhlala kwakhe kweli qela.

Emva kosuku lwakhe lokuqala exhuzula imikhala, uZidane, uthethe nalo mdlali kwaye emqinisekisa ukuba usengumdlali obalulekileyo kwiMadrid. “Kumkhathazile kakhulu ukugxothwa kukaRafael ngenxa yobudlelwane phakathi kwabo, kodwa ndimqinisekisile ukuba akukho nto izakutshintsha,” utshilo uZidane. “Ungumdlali obalulekileyo kuthi, futhi ungumdlali ophambili kweli qela. Siyathembisa siza- kumnika inkxaso efanayo naleyo ebeyifumana kuRafa. Phofu bebonke nje abadlali bethu; babalulekile.

UJames no-Isco ngabadlali bethu esibaxabisileyo kweli qela, nabalandeli bethu,” utshilo uZidane. Kukho amarhe athe ndiii eNgilane athi uGareth Bale ufunwa kakhulu yiManchester United. Lo gama yena uJames esoyanyaniswa neqela lase-Italy, iJuventus. Lo kaZidane, uneengcambu ezilapha kwizwekazi le Afrika, uzakucaca into ayiyo xa iReal Madrid isamkela iDeportivo La Coruna ngoMgqibela eBernabeu.