UBaloyi uyinikele umva iKaizer Chiefs

Kaizer Chiefs goalkeeper coach Brian Baloyi shakes hands with Thabo Khiba of Kaizer Chiefs during water break during the MultiChoice Diski Challenge game between Cape Town City and Kaizer Chiefs at Tsakane Stadium on the 29 January 2017©Aubrey Kgakatsi/Backpagepix

Njengokuba kulindeleke
ukuba Amakhosi enze iinguqu phambi kokuqala kwesizini yePSL entsha – uBrian “Spiderman”
Baloyi ubaqalele abo bazakuthi bakhululelwe. UBaloyi ukhululwa yiKaizer Chiefs
kuba ingenazo iinjongo zokumsebenzisa kwakhona xa kuphela isivumelwano
sengqesho empelanyanga yeSilimela. isibhengezo ngokuhamba kukaSpiderman senziwe
ngusihlalo weChiefs, uKaizer Motaung, izolo emalanga.

“Sithi
masibulele igalelo elenziwe nguBrian Baloyi kweli qela ekwalikhaya lakhe. Ngethuba
simsondeza eqeleni, sasineenjongo zokumgcina ixesha elide – kodwa ke uye
wasixelela ukuba unezinye izicwangciso ngekamva lakhe. Simkhulule ngesihle
kwaye sinethemba lokubambisana naye kwixesha elizayo,” utshilo uMotaung
kwingxelo ekutshwe yiChiefs.

UBaloyi wasebenza
nomqeqeshi woonozinti, u-Alex Revoredo, phambi kokusebenza kumaqela wabadlali
abasakhulayo. Kulindeleke Amakhosi abhengeze umqeqeshi omtsha nabadlali phambi
kokuphela kwale nyanga emva kokuhamba kukaSteve Komphela ongakwazanga
ukuphumelela indebe kwiisizini ezintathu zilandelelana.