UBangile Nyangani uthi akanantanga ngoku eMzantsi Afrika

UBangile Nyangani noGaveni Nkwenteni besilwa kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: ESPN/Facebook

Imbethimanqindi yaseMthatha, uBangile Nyangani, ithi ingavuya ukuba ingafumana umlo engadibana kuwo nomntu osuka kwelinye ilizwe ngoba akukho mbethimanqindi eMzantsi Afrika enokuma phambi kwayo. UNyangani ukuthethe oku echulumancila emva kokuphumelela kakuhle umlo abethe kuwo uGaveni Nkwenteni. Umlo obuphakathi kukaNyangani ophumeleleyo noNkwenteni ubuququzelelwe yinkampanyi yabathelekisi, iESPN Africa. “Ndonele kukulwa neembethimanqindi zaseMzantsi Afrika. Ayikho ngoku enokumelana nam xa ndijongile,” utshilo uNyangani echwayitile.

“Ndifuna ukulwa nembethimanqindi yangaphandle ngoku – kodwa ndifuna ukuyigcina intshinga yam yoMzantsi Afrika ngoba yeyona endisebenzisayo kakhulu. Ukuba ukhona umthelekisi onokuza nento andinayo ingxaki,” utshilo uNyangani emva komlo wakhe weshumi elinesihlanu ukusukela ngonyaka ka-2016 awaqala ngawo ukulwa kwinqanaba eliphezulu emanqindini.

Nangona uNkwenteni eyindoda eyoyikwayo ngenxa yamandla wenqindi lakhe aliwalahla phantsi amadoda engaqondanga – kodwa ukhe phantsi kuNyangani isitya sigcele. Abagwebi bazinike iimbethimanqindi ngolu hlobo amanqaku: 120-108, 119-109/ no-119-109. UNyangani uthe umlo ubulula kakhulu kuye nangona utsale imijikelo elishumi elinambini ngoba ebezilungiselele ngokupheleleyo.

“Ndichulumance kakhulu emva kokuphumelela. Bekungekho nzima kum ngoba bendiwulungiselele umlo. Kumnandi ukulwa noNkwenteni ngoba ugada nje inqindi elinye. Bendizibethela ingqindi ndadwa emlweni ngoba yena inoba undibethe kakuhle kwakabini qha,” itshilo indedeba yaseMthatha egxeleshe intshinga yehlabathi. “Ndingakuvuyela ukulwela intshinga yeWBA. Kodwa ndiza kuhlala phantsi nabaphathi bam ngaleyo into. Ndifuna ukulwa nomntu wangaphandle koMzantsi Afrika ngoku. Kodwa ndiyigcine itayitile yam yoMzantsi Afrika ngoba yeyona indigcina ndixakekile,” utshilo uNyangani kwiSA Boxing Talk.