UBarker ufuna iphephe izembe iStellenbosch

Akakwazi ukuwuvala umlomo uSteve Barker emva kokuphumelela kweqela lakhe imidlalo emithathu ilandelelana emva kokusokola ixesha elide.

IStellenbosch ibethe iPolokwane City ngo1-0 emdlalweni weAbsa Premiership kwimpelaveki egqithileyo eCape Town City.

Kanti phambi kodlulileyo umdlalo, iStellenbosch ibethe iHighlands Park ngo’4-1 komnye yabetha iBaroka FC ngo’1-0.

Impumelelo yeqela likaBarker emidlalweni emithathu ilithathe yalibeka kwindawo yesibhozo.

“Amanqaku amathandathu siwafumene emva kokuphumelela imidlalo emibini. Ngoku sidinga amanye amanqaku kweminye imidlalo emithathu ukuze siqinisekise indawo yethu kwiPSL,” utshilo uBarker emva komdlalo.

Ngethuba iStellenbosch ingaqhubi kakuhle bekukho uloyiko lokuthotyiselwa kwayo kodwa umqeqeshi uthi zange abenalo uvalo nakanye.

“Zange kwabakho mntu othetha ngokundigxotha.

Iqela landithemba ukusukela ngomhla wokuqala. Ngoku sikwindawo yesibhozo futhi sinamanqaku amathandathu asahlulayo neqela elisemsileni,” utshilo uBarker.