UBarker uzingomba isifuba ngomsebenzi weStellenbosch FC

Stellenbosch FC after winning the National First Division after the National First Division 2018/19 game between Stellenbosch FC and Maccabi FC at Idas Valley Stadium in Stellenbosch on 5 May 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Wenze adume
ngazo kwakhona uSteve Barker! Kwiveki ephelileyo, ubhale iincwadi zembali
yebhola ekhatywayo ngokutsha kwiveki ephelileyo ngethuba enceda iStellenbosch
FC enyuselwe kwiPremier Soccer League okokuqala embalini yayo yebhola. Iqela
likaBarker libambene ngeqanda neMaccabi FC emdlalweni obubanjelwe kwibala
ekuthiwa yi-Idas Valley Sports Ground kwiveki ephelileyo. Ibikokwesibini
uBarker esusa iqela kwaNational First Division elisa kwiPSL. Ukunyuselwa kwayo
iStellenbosch akhothusanga konke konke ngoba ibe lelona qela elinamandla
kunamanye ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka. Ifince iinyanga ezine zonke ivule
umsantsa weenyanga ezine zonke phezulu kwiNFD.

“Uhambo
lwethu beluluhle futhi luyancomeka ngoba luphele siphumelela,” lawo ibe
ngamazwi womqeqeshi weStellenbosch emva kokuba iqela lakhe libambe indawo
yokuqala kwaNFD. IStellenbosch ivale isizini iqokelele amanqaku angamashumi
amahlanu anesithandathu (56) emva kokuphumelela imidlalo elishumi nantandathu.
“Abadlali benze into ebaluleke kakhulu. Lonke iqela liwenzile umsebenzi walo.
Ukuzimisela kwabadlali kuko okuqinisekise indawo yeqela kwiPSL. Ngoku sithi neCape Town
City
esiza kuqubisana
namaqela elizwe lonke. Yinto entle kakhulu leyo kwibhola yaseKapa. Siza
kubhiyezela ukuphumelela kwethu – kodwa silungiselele isizini elandelayo
kwakamsinyane,” utshilo uBarker – obethiwe wambu yimincili.

Umlawuli
oyintloko, uEdries Burton,
uthe isicwangciso seminyaka emihlanu senziwe kunyaka wokuqala liqela.
“Besizimisele ukugcina iqela kwiNFD ngoba besikhangela indlela yokuza nento
eyahlukileyo. Besinenani labadlali elingabhekelephi kwaye bayibamba eyona nto
siyifunayo,” utshilo uBurton kwiphepha lethu eKapa. “Besisazi ukuba kufuneka
siqhube kakuhle emdlalweni ukuze sikwazi ukuya kwaPSL. Sidlale omnye wemidlalo
eyakhe yanzima kwaye kuye kwanyanzeleka ukuba sinyamezele kude kube
sekupheleni,” utshilo uKapteni, uJarrod Morrole, emva komdlalo.