UBarker uzityand’ igila emva kokuphumelela iCarling Knockout Cup

iStellenbosch FC ziintshatsheli emva kokubetha iTS Galaxy. ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ushiyeke enyembezana umqeqeshi weStellenbosch FC, uSteve Barker, emva kokuba iqela liphumelele indebe yalo yokuqala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Kwimpelaveki egqithileyo, iStellenbosch ibethe iTS Galaxy ngo’5-4 kumapenela emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout Cup ophele amaqela omabini ebambene ngegowuli elinye macala eMoses Mabhida Stadium. Iqela likaBarker lagqibela ukuphakamisa indebe kwisizini ka2018/19 ngethuba liphumelela linyuselwa kwiDStv Premiership.

Nakubeni iStellenbosch inethuba elide ingazuzi nto kwiPSL – kodwa ibinkqonkqoza emnyangweni weendebe. Ukuphumelela kweStellenbosch indebe yokuqala kuvuselele izinto ezininzi ezenzekileyo eminyakeni esixhenxe edlulileyo ukusukela ngonyaka eyanyuselwa ngayo. “Ndifuna ukubulela inceba esiyinikwe nguMdali,” utshilo uBarker emva komdlalo obunzima kakhulu kwiphondo laKwaZulu-Natal. “Eli lithuba lokuba ndenze umbulelo kusapho lwam; abantwana nomfazi wam abandixhasileyo. Ndiyavuyisana neqela.

Liyifanele impumelelo eliyifumeneyo namhlanje. Okuhle ngeStellenbosch kukuba ivulela amathuba endaweni ekuyo. Ndibulela abasebenzi bonke nabalandeli ngokuxhasa iqela ukuzothi ga namhlanje,” utshilo uBarker, ohlobeneyo noClive Barker owayengumqeqeshi waBafana Bafana kwiminyaka eyadlulayo. Kodwa wenze umbulelo okhethekileyo kubadlali bakhe abaphumeleleyo noxa bekhe balandela ngasemva kweTS Galaxy efumene igowuli kuqala emdlalweni.

“Ndifuna ukubulela abadlali. Bayifanele indebe abayifumeneyo. Ndikubonile ukwetha kwamandla wabo namhlanje ngoba kudala sihamba ngenxa yemidlalo emininzi. Ndiyavuyisana nabo. Le indebe yeyabazali bam, uClive no-Oshwin Andries osishiye ekuqaleni konyaka. Ndiqinisekile ukuba bayazingca ngathi apho bakhoyo,” uvale ngaloo mazwi uSteve Barker emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo. Ukuphumelela kweStellenbosch yinto ebilindelekile ngoba liqela elinabadlali abasemgangathweni ophezulu futhi eliqeqeshwa ngumqeqeshi okrelekrele kakhulu.