UBartlett ukhala ngomsebenzi ombi kasompempe

AmaTuks abethwe yiHighlands Park FC kwakhala umqeqeshi wawo ngempeleveki. UShaun Bartlett akaxolanga kakhulu yindlela usompempe awuphethe ngayo umdlalo.

Iqela lakhe libethwe ngo’1-0 yiHighland kumdlalo obuseMakhulong Stadium wokuzibekela indawo kwi-Absa Premier Soccer League kwisizini ezayo.

Iqela lika-Allan Freese lithe ngcu kwisiqhu samaqela athelekiswe nalo emva kokuqokelela amanqaku amathandathu kwimidlalo emibini edlulileyo.

Lo gama yona i-University of Pretoria ibethwe ityeli lesibini elandelelana. Yibhola kaJose Garcia ayifake ngozuzu wamashumi amahlanu anesibini ethe yahlula la maqela.

AmaTuks aye anyanzeleka enze iinguqu kwangoko emdlalweni emva kokuba uMpho Maruping ethe wonzakala. Indawo yakhe ithathwe nguSiyabonga Ngubane.

Nayo iHighlands yehlelwe sesifanayo emva kokuphulukana noRyan Rae. Adlale kakuhle wona amakhwenkwe kaBartlett, kodwa akakwazanga ukusebenzisa amathuba emdlalweni.

Nangaphandle kwaleyo yena uBartlett ukhaliswa kakhulu zizigqibo ezithathwe ngusompempe kula mdlalo. “Sizenzile iinguqu, ndicinga ukuba sidlale umdlalo ongcono kunomdlalo wethu ophambi kwalo. kodwa amathuba siwayekile. Kuyafuneka iqwalaselwe indima kasompempe ngoba kum umsebenzi wakhe ubumbi kakhulu,” utsho uBartlett.

Ephawula ngotshintsho alwenzileyo kwisigaba sesibini. Le ndedeba eyayifudula ivuthulula umnatha ngeentsuku zayo kwiBafana Bafana ithe ukufakwa kukaSphamandla Dlamini kwisiqingatha sesibini kuwenzile umahluko.

“Ngethuba siziqeqesha uDlamini ebethembisa kakhulu. Emva kweyure uMosadi uye waphelelwa ngamandla, uDlamini wasinceda endaweni yakhe,” utshilo uBartlett.

Amathuba okuthotyiselwa kwaMaTuks maninzi ngoku. IHighlands Park idinga umdlalo omnye ukuze inyukele kwiPSL, kodwa ukuba ingabethwa yiMbombela ngoLwesithathu, AmaTuks angaphinda abenalo ithuba ukuba ayawuphumelela umdlalo olandelayo.