Amaqela amathathu adlala kwi-Absa Premier Soccer League asemsileni alwela ukusinda ezembeni. Isibini kuloo maqela yiJomo Cosmos ne-University of Pretoria.
Omabini la maqela abambene ngamashumi amabini amanqaku emva kokuba AmaTuks efumene impumelelo ngempelaveki edlulileyo. Eli qela lasePitoli livuthulule iMaritzburg United ngamagowuli amane kwamabini kuphela. Kukho impucuko kwicala lomdlalo nakwicala lokufakwa kwamagowuli kwi-University of Pretoria.
Kukho amandla ongezelekileyo nokuzimisela okuthe chatha. Kuyabonakala ukuba ngoku kukho umqeqeshi oze namaqhinga amatsha okuqubisana nemidlalo nangona iqela liphantsi koxinizelelo lokuvelisa iziphumo ezincumisayo ngamaxesha onke.
UShaun Barttlet, umqeqeshi oyintloko waMaTuks, ukhuthazekile ziziphumo zakamva nje, kwaye unethemba lokuqokelela amanqaku oneleyo ukuze iqela liphume engozini. “Silwile kumdlalo wethu odlulileyo, sifake amagowuli, ngoku okufunekayo kukuqinisekisa ukuba umdlalo siyawuqoshelisa xa likhona ithuba lokwenza njalo.
Ndiyibonile lo nto ingenzeka. Ndonelisekle ngumsebenzi owenziwe ngabadlali okuzothi ga ngoku,” utsho uBarttlet. Intlantsi yethemba nokunxanelwa impumelelo kubonakele kubadlali baMaTuks ukuqala kwiveki ephelileyo kumdlalo weNedbank Cup ababethwa kuwo yiSuperSport United kumapenela.
Amakhwenkwe kaBartlett afaka amagowuli amathathu kula mdlalo, ngempelaveki abuya nesine, lo nto iyodwa ibonisa ukuphucuka kwindlela eli qela eliqale ngayo le sizini. Le ndedeba, eyayifudula idlalela iqela lesizwe, ithi ifuna ukuqinisekisa ukuba iqela layo alibethwa kwimidlalo esixhenxe ukuze lisinde.
Eminye yemidlalo ezonika umdlalo yeli qela yileyo iquka iCosmos, iBloemfontein Celtic nePolokwane City. “Kuhle ngoba sizodlala namaqela esikhuphisana nawo kule ndawo sikuyo, kufuneka sibethe wona,” utshilo uBartlett.
IZIMVO | Ngumbutho waseKZN iMK Party