Ingqungqumbana ekhutheleyo kumdlalo weqakamba, uThemba Bavuma, ibuyela ekhaya emva kokuthengwa yiCape Cobras phambi kokuqala kwesizini ka’2017/18.
Le ndedeba yakwaBavuma, 26, yenye yabadlali abahlonitshwayo kakhulu kwiqakamba yehlabathi emva kokuqubisana ngaphandle kwedyudyu nezangxa zehlabathi ngethuba idlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika kwimidlalo eliqela edlulileyo.
UBavuma, owazalelwa kwaLanga, eKapa, wathi wadlala umdlalo wakhe wokuqala kwinqanaba eliphezulu kwiqakamba ngo’2008 eneminyaka elishumi elinesibhozo nje kuphela kwiphondo laseGauteng. Ukusukela ngoko zange aphinde ajonge ngasemva. Uziqaqambise ngakumbi kwisizini ka’2014/15 ngethuba enceda iLions ezazuza impumelelo kwiSunfoil Series.
Eminye yemidlalo eyambeka endaweni entle uBavuma kwikhono lakhe leqakamba ngulowo wawuphakathi koMzantsi Afrika ne-Australia ngo’2014. Yena noRilee Rossouw bathi banceda ilizwe labo ngokuthi benze intlanganisela yemitsi engamakhulu amathathu, amashumi amane nesithathu (343), kulo mdlalo uBavuma waqhokra ikhulu elinamashumi amathandathu anesibini (162) emitsi.
Ukuzothi ga ngoku lo mfana udlale imidlalo engamashumi amabini kwiProteas, unemitsi engaphaya kwamakhulu asibhozo ayenzileyo. Kulindeleke ukuba kuncede kakhulu iCobras ukufika kwalo mdlali phambi kwesizini entsha. “Ndiyakholwa ukuba uTemba uzakuyinceda iCobras ukuze ikwazi ukuphumelela indebe yeSunfoil Series neMomentum One Day Cup,” utshilo uNabeal Dien, ingqonyela yeCobras.
“Ubukho bakhe buzakuthi buncede iCobras njengokuba engumdlali ohlaselayo kwiqakamba – kodwa akuphelelanga apho ngoba neqakamba yasezilokishini izakuthi izuze. Uyakuba yinkuthazo nakwabatsha batsho babone iqakamba njengowona mdlalo obalulekileyo kubo,” utshilo uBeresford William, usihlalo weWestern Cape Cricket.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’