UBaxter akafuni idelelwe iLibya ngabadlali bakhe

Umqeqeshi weBafana Bafana uStuart Baxter UMFANEKISO: © Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva kokuba uMzantsi Afrika uphoswe yiNdebe yeHlabathi ebisingathwe yiRussia kutshanje – ngoku unyanzelekile uye kwitumente yeAfrika ekunyaka ozayo eCameroon.

ABafana Bafana bamkela iLibya kumdlalo wokuzibekela indawo kwitumente yeAfrika oza kube useMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo.

Uyankwantya uStuart Baxter phambi komdlalo ongempelaveki ngoba uphantsi koxinizelelo ngenxa yeBafana Bafana engadlali kakuhle kwiitumente ezinkulu okanye engakwaziyo ukuya kuzo ngenxa yokungaqhubi kakuhle.

Indlela yeBafana Bafana eya kwiAFCON ekunyaka ozayo ingayigudisa kule mpelaveki ngokubetha iLibya engaziwa kangako ebholeni ekhatywayo.

Amalungiselelo weBafana Bafana ahambe kakubi kakhulu ngenxa yokonzakala kukaHlompho Kekana, uBongani Zungu noThemba Zwane kwimpelaveki edlulileyo.

Kuye kwanyanzeleka ukuba uBaxter akhwebe uTiyani Mabunda, uMaphosa Modiba noVincent Pule.

UBaxter uthi angonwaba emphefumlweni wakhe ukuba abadlali bakhe bangangayideleli iLibya kuba ingenabo abadlali abanamagama aziwayo kwibhola yehlabathi.

Enye into ayithethileyo uBaxter kukuba kufuneka abadlali bakhe bahlale bethe qwa ngoba yena wakhe wayibona iLibya iswantsulisa amazwe aziwayo afana neMorocco.

UBaxter uye wanyanzeleka ukuba abize unyana wakhe uLee Baxter emva kokurhoxa kuka-Andre Arendse ngenxa yengxaki ekhayeni lakhe.

“ILibya ayinabo abadlali ehlabathini njengeCameroon, iSenegal neNigeria – kodwa kubalulekile sifunde ngoba amagama amakhulu akathethi nto tu. Into ebalulekileyo yindlela enidlala ngayo ebaleni,” watsho uBaxter.

USifiso Hlanti noSiphelele Ndlovu banethemba lokuguquka kwezinto emva kokubukela amanye amazwe edlala kwiitumente ezinkulu.

“Kubuhlungu ukuphoswa yiNdebe yeHlabathi ngoba wonke umntu unephupha lokudlala kuyo. Kuxhomekeke kuthi kengoku ukuguqula izinto. Kunyanzelekile sibonwabise abantu ngokuya kwi-AFCON,” utshilo uHlanti.

Kanti yena uNdlovu uthethe wenjenje: “Siqale kakuhle ngokubetha iNigeria kowayo. Ngoku kufuneka sibuyise iimini zolonwabo ngokuthi siqinisekise ukuba sizibekela indawo kwitumente yeAfrika.”