UBaxter akonwabanga kukubethwa kweBafana

Izinto azihambi kakuhle kwiqela lesizwe lebhola ekhatywayo. Lo nto ibangele uStuart Baxter anxunguphale kakhulu.

UMzantsi Afrika ukhe phantsi isitya sigcwele izihlandlo ezibini kwiCape Verde kwimidlalo ehlakulela indebe yehlabathi.

Kwiveki ephelileyo iBafana Bafana ibethwe ngo’1-0, kule veki yaphindwa ngo’2-1 phambi kwabalandeli bayo eMoses Mabhida Stadium ngoLwesithathu.

Ngoku indlela yeBafana Bafana eya kwi-2018 FIFA World Cup emva kokungakwazi ukuqokelela amanqaku kule midlalo idlulileyo.

UMzantsi Afrika uhamba emva, usekelwe yiSenegal kuGroup D – kanti iBurkina Faso neCape Verde ebisemva phambi kokubetha iBafana Bafana – zihleli phezulu ngokulandelelana.

UBaxter uyayiqonda ukuba uMzantsi ungaphoswa yindebe yehlabathi kwakhona – eyona nto ayiqeshelweyo yiSafa.

“Ndikhathazeke kakhulu. Njengomntu osebenza ngokuzimisela nolithandayo eli lizwe ndiphoxeke gqithi. Ngoku sixhomekeke kwiziphumo zamanye amazwe – izandla zethu zibambekile. Kodwa nangona kunjalo, kufuneka sizame kwimidlalo yethu ezayo. Ndiyayazi ibhola inezimanga – izinto zingaguquka – kodwa andingetsho ukuba sizakuya kwindebe yehlabathi,” utshilo uBaxter.