Njengokuba isizini isiya ekupheleni nje, kulindeleke ukuba abaqeqeshi bathi saa iinzwane bekhangela abadlali abatsha abazakuqinisa amaqela abo.
UStuart Baxter ulwela ukufumana indawo phakathi kwamaqela asibhozo kule sizini ka’2015/16. Le ndedeba yaseMangesini iqinisekisile ukuba izakuthi ikhangele abadlali phambi kokuvulwa kwesizini entsha. Abanye babadlali lo mqeqeshi abancwasileyo ngabadlali ababini abaphambili kwiKaizer Chiefs.
Aba badlali nguReyyad Pieterse noReneilwe Letsholonyane. Kwiveki ephelileyo Amakhosi abhengeze iindaba ezithi unozinti wawo, uPieterse, uyahamba ekupheleni kwesizini. Nangona engekathathi sigqibo ngeyona ndawo afuna ukuya kuyo, uBaxter utsho phandle ukuba uyamnqwenela lo nozinti weChiefs.
Iingxoxo phakathi kwakhe neChiefs zaphunza, lo nto yanika uReyyad ilungelo elipheleleyo lokukhangela iqela alithandayo ekupheleni kwesizini.
UReyyad ngoyena nozinti udlale kakhulu kwiChiefs kule sizini, kodwa ukhethe ukuhamba ekugqibeleni nangona ebenikwe isivumelwano esitsha seminyaka emithathu. Kanti yena uLetsholonyane akukacaci nokuba uyokuphelelaphi na njengokuba engekasihlaziyi isivumelwano sakhe.
UBobby Motaung utshilo kwinyanga ephelileyo ukuba bayathetha nalo mdlali, kodwa ezivakalayo zithi kukho iinkquleqhu ezenziwayo yiSuperSport United ukuze imthathele kuyo. UYeye ngomnye wabadlali abadala kwiChiefs.
Nangona ekhathazwe kukonzakala kule sizini, kodwa igalelo lakhe kwimidlalo edlulileyo libonisile ukuba usenendima anoyidlala kwiChiefs. Khange angabaze kweli ityeli uBaxter ngabadlali abafunayo kwisizini ezayo.
“Sinomdla kwaba badlali babini. Sivile ukuba abonwabanga kwiChiefs. Singavuya ukuba singabafumana, sifuna uqinisa ukhuphiswano kwiqela lethu,” utshilo kumajelo endaba uBaxter.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro