UBaxter uhambe ngestayile ePitoli

UKapteni uDean Furman noStuart Baxter ngethuba bephakamisa indebe yeNedbank Cup emva kokuba iSuperSport United ibethe i-Orlando Pirates, eMoses Mabhida Stadium umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ngaphandle kwamathandabuzo, uStuart Baxter ngurhasatsha womqeqeshi! Imbali yakhe kwibhola yaseMzantsi Afrika iyabengezela.

Wongeza enye indebe phantsi kwegama lakhe ngethuba iSuperSport United iphakamisa indebe yeNedbank amatyeli amabini elandelelana, emva kokuhlaza i-Orlando Pirates ngo’4-1 eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo. Ibingumdlalo kaBaxter wokugqibela kwiSuperSport United njengokuba engumqeqeshi weBafana Bafana ngokupheleleyo nje ngoku.

Eli Ngesi lihambe ngesitayile ePitoli emva kokuphakamisa iNedbank okwesibini kwiSuperSport United.

Phantsi kwegama lakhe, uBaxter uneendebe zeNedbank ezintathu ngoku, eyeMTN 8 nezimbini zePremiership.

Ngumsebenzi ekungekho lula ukuwenza – kodwa uBaxter ubonisile ukuba yena uyakwazi ukwenza izinto zenzeke. Ukubetha iPirates yinto enkulu – kodwa ukuyoyisa kumdlalo wokhuphiswano yinto ethe chatha.Phambi kokuphumelela le Nedbank Cup, abadlali beSuperSport United batsho elubala ukuba bafuna ukubulela uBaxter ngomdlalo weNedbank Cup njengokuba esiya kwiqela lesizwe. Kwenzekile oko nangona yena umqeqeshi ebesokolo eyiyayaza lo nto phambi komdlalo. Kodwa emva komdlalo umqeqeshi uye waphumela elubala ngokubaluleka kwendebe kuye njengomqeqeshi.

“Impumelelo ayikho ngam ngaphezulu kweqela nabalandeli. Yimbali nje kum. Ukuphumelela ndiyakuthanda,” utshilo uBaxter.

Ndinebhongo ngokuba ngumqeqeshi weBafana Bafana, ndizimisele ukwenza umsebenzi omhle kwaye ndinalo ithemba emva kokuba sibethe iNigeria,” utshilo uBaxter.

UDean Furman ubaqhwabele izandla oogxa bakhe emva kokuphumelela eThekwini. “Ibingomnye wemidlalo esiyidlale kakuhle kwisizini yethu. Umdlalo wethu uhambe ngale ndlela besifuna uhambe ngayo. Le ndebe ibaluleke kakhulu kuthi,” utshilo uFurman.