Amaqhawe aphakamise igama loMzantsi Afrika emidlalweni ye’Olimpiki amkelwe ngovuyo zizihlwele zabantu ebezigcwalise isikhululo seenqwelomoya samazwe ngamazwe eKampton Park izolo. Phakathi kwaloo maqhawe bekukho iimbaleki ezimbini ezisakhula futhi ezinekamva eliqaqambileyo kakhulu emidlalweni.
Ezo mbaleki nguBayanda Walaza noBradley Nkoana – iimbaleki ezibambisene noShaun Maswanganyi noSimbine kwirileyi ezifumene indawo yesibini kuyo zanikwa imbasa yesiliva. Bekunzima eFrance ngoba uMzantsi Afrika uye emidlalweni ye’Olimpiki uphantsi koxinizelelo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwawo eTokyo kwiminyaka egqithileyo.
Izinto zibe bhetele kulo unyaka ngoba uMzantsi Afrika ubuye neembasa ezintandathu kunezintathu owazifumana eTokyo. Ethetha emva kokwamkelwa kwabo ngovuyo, uWalaza uvumile ukuba ebesoyika eParis – kodwa waqiniswa yinkxaso yabantu nembaleki ephambili, uAkani Simbine, obanike inkuthazo angasoze ayilibale.
Ukuphumelela imbasa yesiliva yinto enkulu kuSimbine oneminyaka eyizama – kodwa kuthe chatha kumagatyana eembaleki ezifana noWalaza noNkoana abaseza kukhuphisana neembaleki zehlabathi kweminye imidlalo ye’Olimpiki ukusekela ngo2028 eLos Angeles, eMelika.
UWalaza, 18, ongumfundi owenza ibanga leMatriki kwisikolo ekuthiwa yiCuro Hazeldean esePitoli, ngomnye weembaleki ezinamendu kwihlabathi. “Ndiyazingca ngendikwenzileyo. Ndikhuthazwa nguSimbine olwele ilizwe lakhe ixesha elide,” utshilo uWalaza.
“Esikwenzileyo akuzusiphazamisa ezingqondweni. Kuhle ngoba nesikolo sam sithe siza kundixhasa nokuba sendimkile kuso,” utshilo uWalaza izolo. UNkoana, 19, ubalule inkxaso ayifumene kowabo phambi kokuzigqamisa eCurro naye.
“Into eyenzekileyo inkulu – kodwa ngeke inditshintshe. Ndinabantu abandixhasayo futhi abaza kundixelela xa ndiphuma ecaleni. Ndizingoba isifuba ngendikwenzileyo futhi ndifuna ukuthi konke ndikwenze ngenxa kamama wam,” utshilo uNkoana echulumancile.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo