UBayeni uthi ingamoshwa iKhombi-khothi entsha ephiwe iMajombozi High School

Isekela-mphathiswa lesebe leZemidlalo, iNkcubeko noLonwabo, uNocawe Mafu, ugxa wakhe ephondweni, uFezeka Bayeni, namanye amagosa karhulumente, banike ngokusesikweni isikolo ibala lezemidlalo elitsha eGompo, eMonti. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Abantwana,
abazali nootitshala besikolo saseGompo, eMonti, iEbenezer Majombozi High
School, benze umbulelo ongazenzisiyo kwisebe likazwelonke leZemidlalo,
iNkcubeko noLonwabo emva kokuba liphe izikolo ibala lokudlalela imidlalo
entlobontlobo (Combi-court). Isekela-mphathiswa lesebe, uNocawe Mafu nogxa
wakhe ephondweni uFezeka Bayeni, balikhululele esikolweni ngokusesikweni ibala
elitsha baphisa nangeempahla zokudlala imidlalo eyohlukene eGompo ngoLwesibini
wale veki. IMajombozi, enabantwana abaqabele ngaphaya kwewaka kulo nyaka,
sisikolo esaziwa ngokuvelisa abantu abaziwayo abaquka uMafu – olisekela-mphathiswa
lesebe leZemidlalo kuzwelonke. UMafu uxelele inginginya yabantu abebezalise
intente imbali yeMajombozi neDuncan
Village
emzabalazweni.
“Igama lam ndinguNocawe. Ndizalelwe apha eZiphunzane. Ndizalelwe phaya kooC
aph’ ezantsi eNtilini,” utshilo uMafu ezazisa ebantwini.

Image may contain: sky and outdoor

UMafu uthe
isebe lakhe linoxanduva lokuqinisekisa okokuba kuyadlalwa kwindawo abahlala
kuzo abantwana nasezikolweni. “Umsebenzi wam kukuqinisekisa okokuba abantwana
bayadlala ezikolweni. Senza lo nto kuba sisazi ukuba angeke sibenawo amaqela
esizwe aphumelelayo ukuba abantwana abadlali ekuhlaleni,” utshilo uMafu.
Kwangaxeshanye, ukhuthaze abantwana besikolo ngelithi iMajombozi soze kuthiwe
yiYizo Yizo kwakhona. “Silapha namhlanje kuba sifuna ukuthi kuni, xa usenza
into, yenze ngokukhulu ukuzimisela. Ukuba udlala ibhola, yidlale ngathi uyaphambana.
Ukuba udlala umbhoxo, wudlale kakhulu ukuze ubonwe ukuba uyawuthanda. Esi sikolo
sivelise abantu abakhulu entlalweni yethu. Sifuna ukuqinisekisa ke okokuba
wonke umntu uyazingca ngeMajombozi. Soze kuphindwe kuthiwe “yiYizo Yizo” esi
isikolo,” utshilo uMafu ovale intetho yakhe ngelithi uza kusifaka phantsi
kwekhwapha lakhe isikolo ukuze aqiniseke abantwana baya kumaziko emfundo
aphakamileyo.

Inqununu
yesikolo, uMnu. Victor Pakade, iyibulele kakhulu into eyenziwe lisebe
likarhulumente esikolweni sayo. Kodwa isose yayaleza kwabaphethe esebeni
okokuba isikolo asinalo ibala lebhola ekhatywayo. “Ukuba sifuna ukuphumelela
thina bantu abamnyama; kufuneka sixabise abantwana bethu. Xa urhulumente ekwazi
ukupha abantwana izinto zokudlala ukuze baphephe izinto ezingendawo, lo nto
ithetha ukuthi wenza into entle kakhulu ebantwaneni bethu. Siyayibulela
intsebenziswa ephakathi kwethu norhuluemnte ejolise ekubumbeni ikamva lenu
bantwana bethu,”utshilo uMnu. uPakade.

Image may contain: 3 people, people standing and outdoor

Umphathiswa
wesebe leZemidlalo, iNkcubeko noLonwabo kweli phondo uthethe ngomahluko othi
wenziwe yimidlalo ebomini babantu watsho ethembisa nangokuqinisekisa okokuba
imidlalo ezikolweni iyadlalwa. “Sazixelela nathi ukuba siyazifuna
iiKhombikhothi ngoba abantwana bafumana ithuba lokudlala kwiindawo ezibhetele.
Sizokwamkela nokungqina ukunikwa kwesikolo eli bala lisemgangathweni. Isebe
liza kubeka iliso futhi liqinisekise okokuba ibala lisetyenziswa ngendlela
efanelekileyo. Siyizisa kuni ukuze incede nesizukulwana esilandelayo. Asifuni
ukuyibona imoshiwe ke,” utshilo uBayeni.

Image may contain: one or more people, people playing sports, basketball court, sky and outdoor

Image may contain: 7 people, people standing