Ubeke phantsi ngokusesikweni uTeko Modise

Teko Modise of Cape Town City during the Absa Premiership 2018/19 game between Cape Town City and Maritzburg United at Athlone Stadium in Cape Town on 23 February 2019 Luigi Bennett/BackpagePix

Omnye wabadlali
abaphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika, uTeko “The general” Modise, ubeke
phantsi ngokusesikweni namhlanje njengomdlali webhola ekhatywayo. Oku
kubhengezwe kwikhasi lonxibelelwano uTwitter, yiCape Town
City
– iqela abelidlalela
uModise. Ngaphandle kwamathandabuzo, uModise ngomnye wabadlali abaqaqambileyo
abaveliswe eMzantsi Afrika. Lo nto wayibonisa ngethuba edlalela amaqela afana
neSuperSport United, i-Orlando Pirates, aBafana Bafana neMamelodi Sundowns.

Wagqama kakhulu
edlalela iPirates wade waphumelela amawonga abalulekileyo ebholeni yelizwe.
Emva kweengxaki ezaphazamisa indlela edlala ngayo kwiPirates, uModise waya
kwiSundowns – apho waphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League. Uze
kwiCity kwiminyaka yakhe yokugqibela emva kokungadlaliswa yiSundowns. “Indlela
yam eya kwindawo yokuzilolonga inomahluko namhlanje. Andazi nokuba mandikhale
okanye ndincume. Inye into endandiyifuna ebomini bam: kukuba ngumdlali webhola
ekhatywayo,” utshilo uModise. Uza kudlala okokugqibela xa iCity idlala neBlack
Leopards ngoMgqibelo.