Umdlali weqakamba ophambili, uBen Dunk, uncede iNelson Mandela Bay Giants ngethuba ibetha iTshwane Spartans ngoothinti abathandathu emdlalweni weMzansi Super League obutshisa eSt George’s Park, eBhayi, ngoLwesibini wale veki.
ITshwane iphumelele itosi yakhetha ukuqhokra kuqala. Ikhutshwe yonke emva kokuba yenze imitsi elikhulu elinamashumi asibhozo anethoba.
Umdlali weProteas, uAB de Villiers noWiaan Mulder ngabona badlali abaqokelele imitsi yeTshwane emininzi.
UMulder wenze imitsi engamashumi amahlanu anesibini kwiibhola ezingamashumi amane anesibini.
Kanti yena uDe Villiers ugoduke nemitsi engamashumi amathandathu anesithathu kwiibhola ezingamashumi amathathu anesibhozo.
Abadlali beGiants abafumene oothinti ababalulekileyo nguJunior Dala no-Imran Tahir. Kwiveki ephelileyo, iMandela Bay Giants ibethwe okokuqala kule sizini yiDurban Heat ngoothinti abathandathu.
Bekunyanzelekile kengoko iyibethe iTshwane Spartan ukuze ibuyele phezulu kwakhona.
Emva kwempumelelo eyizuze eBhayi, ngoku iMandela Bay Giants ibambene nePaarl Rocks ngamanqaku angamashumi amabini anesithathu emidlalweni esibhozo.
UDunk wenze imitsi engamashumi alithoba anethoba engaphumanga izolwelinye emdlalweni ogqithileyo.
URyan Ten Doeschate noMarco Marais ngabanye babadlali abafumene imitsi engaphaya kwamashumi amathathu emnye.
NgoLwesihlanu, iGiants iza kudibana neCape Town Blitz ngo17:30 emdlalweni oza kube useNewlands Stadium.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!