UBen Motshwari uncoma igalela likaThembinkosi Lorch emdlalweni wayizolo eMoses Mabhida Stadium

Umdlalisiswini we-Orlando Pirates, uBen Motshwari, uwuncomile umsebenzi omhle owenziwe nguThembinkosi Lorch emdlalweni weMTN8 izolo. IBucs ibethe iBloemfontein Celtic ngo’2-1 eMoses Mabhida Stadium izolo yaphakamise indebe okokuqala emva kweminyaka emithandathu ngegowuli elifakwe nguLorch ngepenela kwisigaba sesibini somdlalo. ULorch ungene wenza imigushuzo ebonakalayo kwaye ipenela efunyenwe yiPirates yezeke ejongene ngqo nonozinti weCeltic, uJackson Mabokgwane.

Kule sizini, uLorch akayidlalanga yonke imidlalo yePirates ngenxa yomonzakalo owamehlela edolweni kwisizini egqithileyo. ULorch uthathe indawo kaThabang Monare owonzakele kakubi edolweni izolo ekuqaleni kwisigaba sesibini somdlalo. UMotshwari umqhwabele izandla noRichard Ofori obambe iibhola ezimbi emdlalweni, ingakumbi ayibambe phambi kokupheliswa komdlalo ngusompempe izolo.

“Mandibulele uThixo, umama, oosisi, oobhuti nabo bonke abantu basekhaya ngokundinika inkxaso. Kuyachulumancisa ukuphumelela kwePirates. Bekunyanzelekile siphumelele thina. Kuye kwanyanzeleka sidlale ngokuzimisela kude kuphele umdlalo. Kuphantse konakala – kodwa ndibulela uRichard Ofori obambe ibhola ngomzuzu wokugqibela,” utshilo uMotshwari ethetha kuSuperSport TV.

“ Emva kokonzakala kukaMonare, kuye kwanyanzeleka abadlali bePirates batshintshe igiya ngoba iCeltic ibixhathisile. “Kuye kwafuneka sitshintshe indlela esidlala ngayo emva kokonzakala kukaMonare. Ungenile uLorch wadala amathuba emdlalweni. Ndiyayincoma kakhulu indlela adlale ngayo. Mhle kakhulu umsebenzi awenzileyo emva kokwenziwa utyando edolweni,” utshilo uMotshwari. Kulindeleke indebe yeMTN8 ekhatshwe zizigidi ezisibhozo iyihlupheze ngakumbi iPirates kule sizini emva kokoyisakala izamile kwiisizini ezimbini ezigqithileyo.