UBenni angabuyela eMzantsi Afrika

Izinto azihambi kakuhle kwinzalelwane yelizwe loMzantsi Afrika, uBenni McCarthy, emva kokuba iqela lakhe eBelgium ligqibe kwelokuba limkhulule ekupheleni kwale sizini.

Asinguye yedwa obelixhoba lezembe ngoba nomqeqeshi oyintloko, uChris O’Loughlin, kuthiwe makachola chole konke okwakhe ahambe. UBenni ngomnye wabadlali bebhola abaveliswe nguMzantsi Afrika abazenzele igama kwihlabathi ngokudlala ibhola.

Uxhome iintambo emva kokudlalela i-Orlando Pirates apha eMzantsi ekubuyeni kwakhe eNgilane. Ngoba enomqweno wokufunxa ulwazi olunzulu ngebhola ngokubanzi, uBenni, wantingela phasheya apho abeyofumana izifundo zokuqeqesha.

Wazibandakanya neSint Truident ukuze afumane uqeqesho olusemgangathweni phantsi kwesandla somntu amthembileyo, kodwa ngelishwa izinto azihambanga kakuhle. Kuye kwanyanzeleka ukuba kwenziwe iinguqu liqela lakhe emva kokuba lingaqhubanga kakuhle kule sizini.

“Siyangqina ngokwenene, isivumelwano phakathi kweSint noBenni McCarthy sifikelele esiphelweni ngemvisiswano kodwa. UMcCarthy uzakuhlala kweli qela kude kuphele le sizini. Siyayibulela intsebenziswano yakhe futhi sikwamnqwenelela okuhle kodwa kwikamva lakhe,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela lakhe.

Kukho amahum-hum athi le ndedeba eyayibalasele ngokufaka amagowuli kwiqela lesizwe, iBafana Bafana, ingabuyela kweli lizwe. Iqela agqibele kulo ukudlala ibhola, iPirates, kuvakala ukuba lilo elingamnika isikhundla sokuba ngusekela mqeqeshi. Ukuqeqesha kumgangatho ophezulu yinto uBenni ayifunayo, kodwa wathi ufuna ukufumana amava ngokwaneleyo kuqala.