UBenni McCarthy akayoyiki kwaphela iSundowns

Umqeqeshi weCape Town City ucinga ukuba iqela lakhe lidibana neMamelodi Sundowns ngelona xesha lifanelekileyo.

La maqela adibana kumdlalo weNedbank Cup oza kutsala umdla wabalandeli kakhulu ngeCawe ngo’15:00, eCape Town Stadium.

Iqela likaPitso Mosimane lixakeke kakhulu ngoba lincwase ukuphumelela indebe yePSL neNedbank Cup – kanti likwagxeleshe iCAF Champions League.

Kungenxa yeso sizathu kanye esibangela uBenni McCarthy acinge okokuba ukubandakanyeka kweSundowns kwizinto ezininzi kungayiphazamisa.

Amakhwenkwe kaMcCarthy aya kumdlalo wale mpelaveki ekhuthazekile emva kokubetha i-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup ekuqaleni kwenyanga yoKwindla.

Nangona uBenni enalo ngcingane engqondweni yakhe – kodwa ukudlala neSundowns soze kube lula nanini na ngoba inabadlali abasezingeni eliphezulu kwaye izimisele ukuncumisa abalandeli bayo ekupheleni kwesizini.

Abadlali beDowns banamava kwaye bakuqhelile ukudlala namaqela asokolisayo. Ukuba iCity iyakwazi ukudlula kwiDowns, ingafumana ithuba lesibini lokulwela indebe emva kokuba yoxhuthwa intlaka emlonyeni yiSuperSport United kwiMNT 8 kunyaka ophelileyo.

“Eli lithuba lokubuyisa isidima sethu emva kokukhutshwa kwimidlalo yeCAF – kodwa ndingatsho ukuba sidibana neqela elinzima. Nangona kunjalo – ndicinga ukuba lixesha elifanelekileyo lokudlala neSundowns ngoba iingqondo zabadlali bayo zikwiChampions League nakwi-Orlando Pirates ebathe nca kwiPSL,” utshilo uMcCarthy.

Ukuphumelela kwayo iSundowns kungayinika ithuba elihle lokuphumelela iindebe ezintathu zonke. Lo nto inokwenzeka ukuba uPitso usebenzisa iinduku zakhe ngobuchule ngoba kunzima ukujongana nezinto ezininzi ngaxeshanye. Iqela eliphumeleleyo kwiNedbank lakuzuza indebe ekhatshwa zizigidi ezisixhenxe zeerandi (R7-million) njengokuba ifinca iminyaka elishumi isebenzisana nePremier Soccer League.

Imidlalo yeNedbank Cup:

NgoMgqibelo: Ubuntu Cape Town v Free State Stars (Athlone Stadium, 3:30pm); Maritzburg United v Bloemfontein Celtic; Kaizer Chiefs v Baroka FC (Nelson Mandela Bay Stadium, 20:15)

NgeCawe: Cape Town City v Mamelodi Sundowns (Cape Town Stadium, 3:00)