UBenni McCarthy oncede AmaZulu unikwe elona wonga elikhulu yiPSL!

UMnu. uSandile Zungue sazisa uBenni McCarthy njengomqeqeshi omtsha waMaZulu. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Xa kuqala isizini, bonke abaqeqeshi bangena kuyo benenjongo yokuqhuba kakuhle – kodwa kunqabile ukuva umqeqeshi eyibiza ngegama indawo iqela lakhe afuna libe kuyo. NguBenni McCarthy kuphela owayithethayo, akugqiba wayenza lo nto. Ngethuba AmaZulu emqesha kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo, uMcCarthy wacelwa nguMnu. Sandile Zungu ukuba awabeke kwindawo yesine xa kuphela isizini yeDStv Premiership. Yena uMcCarthy wathi ufuna indawo yesibini. Nangona esaziwa uMcCarthy kwicala lokuqeqesha emva kokuzibonakalisa kwisizini yakhe yokuqala kwiCape Town City awayishiya ngo-2019 – kodwa bambalwa abantu abamkholelwayo xa esithi uza kulwela indawo yesibini.

AmaZulu enze imbali kwiPSL ngokuthi abambe indawo yesibini okokuqala. Ngokwenza njalo, Usuthu luzibekele indawo kwiCAF Champions League okokuqala embalini yalo yebhola ekhatywayo. Emva komsebenzi omhle, uBenni unikwe igama elithi “Makhathini” watsho walilungu elipheleleyo laMabutho – umkhosi waMaZulu.

Emva kokuba AmaZulu ebethelele indawo yawo emva kweMamelodi Sundowns, uBenni Makhathi ukhale kakhulu ngokungabikho kwabalandeli abavalelwe yiKhorona ebimbe amawaka abantu eMzantsi Afrika ukusukela ekuqaleni kuka-2020 eMzantsi Afrika. “Kubi ukungabikho kwabalandeli senze imbali enje kule sizini,” utshilo uMcCarthy.

Benni McCarthy, Coach of AmaZulu FC (Coach of the Month) during the DStv Premiership 2020/21 monthly awards at Kings Park Stadium in Durban on 12 May 2021 © Gerhard Duraan/BackpagePix

“Masithembe ukuba izinto zakutshintsha kunyaka ozayo ngoba sifuna ukubabona ebaleni. Sifuna ukubhiyoza nabo emabaleni. Yenzekile yona imbali. Iqela likwindawo elingazange laba kuyo. Ndiyazingca ngoba igama lam libhaliwe ngoku kwimbali yesizwe saKwaZulu. Ukusukela namhlnje, igama lam ndinguMnu. Benni Makhathini,” utshilo uMcCarthy encumile. Khange kuphelele apho ngoba uye wafumana iwonga lomqeqeshi wonyaka emva kokuba esuse AmaZulu emsileni wawabeka endaweni entle. Ubulele abadlali bakhe naye wonke umntu asebenze naye. Uqhwatyelwe izandla kuFacebook ngumphathi wakhe, uMnu. Sandile Zungu – othenge AmaZulu ekuqaleni kwesizini kunyaka ophelileyo.