Igqala lebhola ekhatywayo elikwangumqeqeshi, uBenni McCarthy, lithi lingakuvuyela ukubuyela ekhaya kwizwekazi le’Afrika. UMcCarthy ukuthethe oku xeshikweni encokola nesikhululo sikamabonakude saseMelika, uCNN Sport, kutshanje. Indebeba yakwaMcCarthy ukhululwe yiManchester United kwiinyanga ezidlulileyo emva kokuyisebenzela iminyaka emibini yonke.
Wabuyela eNgilane emva kokulaxazwa ngaMaZulu awayengaqhubi kakuhle. Kodwa oko kwenzeka emva kokuba wathatha AmaZulu wayowangenisa kwiCAF Champions okokuqala embalini yawo. Ngeentsuku zakhe zobutsha wazenzela igama kumaqela aseYurophu nakwiqela lesizwe loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo.
Iingxelo ezijeleza kumajelo eendaba eMzantsi Afrika zithi iMamelodi Sundowns inomdla kuye uMcCarthy. “Emva kokushiya eManchester United, ikhona intshisakalo yokuba ngumqeqeshi kwakhona. Ndinqwenela ukufumana iqela elikhulu e’Afrika ukuze ndikwazi ukusebenzisa ulwazi endilifumeneyo.
“Ingase ndifumane iqela endingalinceda ligqugqise kwizwekazi le’Afrika,” utshilo uMcCarthy. Okunika umdla uMcCarthy uthi angakuvuyela nokuqeqesha eMelika enomtsalane ebadlalini abasuka kooYurophu. “Ndingavuya nokufumana iqela endingazama ukulibeka endaweni ebhetele kwiClub World Cup. Ukuba kukho iqela elinomdla kum elidlala kwiMLS, ndingaya kulo.
“Amathuba kwezo ndawo ndingawaqwalasela. Ndicinga ukuba ndinawo amandla okwenza abadlali babe ngcono bancede iqela lenze izinto elifuna ukuzenza. Into endiyifunayo lithuba,” utshilo uMcCarthy otsha ziintambo. Okwangoku akukacaci ukuba uza kuyaphi – kodwa angaphela unyaka kucaca ngoba amaqela ayakhawuleza ukugxotha abaqeqeshi eMzantsi Afrika.
Nangona ekubeke kwacaca ukuba ufuna amaqela akowuphi umgangatho – kodwa uwaqeqeshile amaqela afana neCape Town City futhi wayifumana indebe eMzantsi Afrika. Into yakhe neSundowns ingacaca ngokukhawuleza ukuba uManqoba Mngqithi akaqhubi kakuhle. Abantu abaninzi bavakalise ukungonwabi kwabo emva kokuba iDowns ikhutshwe kwiMTN8.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8