UBenni McCarthy ukhwel’ ezehlela kwisixeko saseKapa esingayikhathalelanga ibhola ekhatywayo

Benni McCarthy, head coach of Cape Town City reacts, issues instructions during the Absa Premiership 2017/18 football match between Cape Town City FC and Baroka FC at Cape Town Stadium, Cape Town on 21 November 2017 ©Chris Ricco/BackpagePix

Umqeqeshi weCape
Town City
, uBenni McCarthy, ukhwele ezehlela kwisixeko
saseKapa (uMasipala), kwangaxeshanye evakalisa ukukhathazeka kwakhe kukuhoywa
kwebhola ekhatywayo. Oku kulandela ukunyanzelwa kweCity ukuba ifudukele KwaZulu-Natal emva
kokungafumaneki kwendawo yokudlalela. ICitizens izakudlalela umdlalo wayo
neMaritzburg United kwiphondo laKwaZulu-Natal, ePrincess Magogo Stadium,
kwiveki ezayo. Ukudinga
kweCape Town
City
akuqaleki –
kutshanje, omnye umdlalo wayo kuye kwanyanzeleka ukuba iwuse kumqwebedu webala
lase-Athlone Stadium elingekho mgangathweni webhola ekwinqanaba eliphezulu.

“Ibhola
ekhatywayo igutyungelwe lilifu elimnyama. Ndichithe amashumi amabini ananye
eminyaka ndihlala kude naseKapa. Nakube zininzi izinto eziguqukileyo – kodwa akukabikho
nguqu,” utshilo uMcCarthy kwingxelo ekhutshwe namhlanje.

Kwixeshana
elifutshane, iCape
Town City

ikwazile ukudibanisa abantu kwaye yashiya iinkumbulo ezingacimiyo ezingqondweni
zabantu – kodwa nakubeni kunjalo sibuhlungu ukwazisa abantu baseKapa okokuba
umdlalo wethu neMaritzburg United uzakudlalelwa eThekwini.”

“Ukuba
siyaphumelela kumdlalo ozayo, singazibona siphezulu kwiPSL. Ukudlalela umdlalo
obaluleke njengalo kude nekhaya lihlazo – kodwa asinakuyinceda lo nto ngona
iKZN izimisele ukusamkela. ICape Town Stadium ayifumaneki ngenxa yemidlalo
yeRugby 7s. Seside sayiqhela ngoku into yokususwa eCape Town Stadium xa kukho
izinto ezingabalulekanga. Iyandixaka into yebala elakhiwa ngenxa yeFIFA World
Cup ngo-2010 – kodwa elingakwaziyo ukubekela bucala ishumi elinesihlanu
leentsuku enyakeni ukuze kudlalwe ibhola ekwinqanaba eliphezulu.”

“Abantu
bebhola bayaxokiswa sisixeko saseKapa. Xa kukho imitshato liyafumaneka ibala.
Xa kukho iitumente zombhoxo liyafumaneka ibala – kodwa xa iyibhola izinto
ziyajika. Inesanti i-Athlone Stadium. Ayifumaneki iNewlands Stadium. Ukuba
ucela kwenziwe icebo – kuthiwa: uxolo asikwazi. Imidlalo yethu iyaziwa. Into efunekayo
kukulungiselelwa. Andazi kutheni amagosa kamasipala engaliboni ifuthe lebhola
kushishino nakwenzinye izinto eKapa. Ibhola iguqula ubomi babantu futhi
ibaqokelela ndaweni. Ibhola ekhatywayo yeyabantu, ingabantu! Kuko konke
endikuthethileyo, ekugqibeleni ibhola ekhatyayo inyanzelwe ukuba ifuduke eKapa,”
utshilo uMcCarthy