Kumnandi kakhulu entliziyweni kaBenni McCarthy emva kokufumana ithuba lokusebenzela elona qela elidumileyo kwihlabathi lonke, iManchester United. UMcCarthy, owayefudula engurhasatsha wefolosi ngeentsuku zakhe zobutsha kumaqela waseYurophu, ubhengezwe njengomqeqeshi weefolosi zeManchester United ngempelaveki egqithileyo. Iindaba zokuthathwa kukaMcCarthy kubothusile abantu abaninzi ngoba AmaZulu amkhombe emnyango phambi kokuphela kwesizini. Nangona kunjalo, uMcCarthy unethemba lokubuyisela ubunganga beManchester eyayidume ngokuthatha iindebe ngendlela emangalisayo kwiminyaka eyadlulayo. Izinto aziyihambelanga kakuhle eminyakeni elishumi egqithileyo. Abaphathi bayo baqeshe uEric Ten Hag waseDutch benethemba lokuguquka kwezinto.
“Ndiya kuvuyela ukuba lapha kwama. Ndinethemba lokwenza umahluko kwiManchester kwisizini eza kuqala. Ayikho indawo engaphezulu kunale ndikuyo. Ukubalapha liwonga elikhulu kum kwaye abadlali kufanele balibambe ngezandla zozibini ithuba abalifumanayo,” utshilo uMcCarthy kwiMUTV. Ithuba alifumeneyo uBenni, 44, lifike ngexesha elihle sele ezilolile ngoba emva kokuyeka ukudlala ibhola, waye wayokufunda eYurophu emva koko waqeqesha iCape Town City naMaZulu. Uye kwindawo esenyongweni kuye futhi ayaziyo. Engumdlali weBlackburn Rovers neWest Ham, uMcCarthy wafaka amashumi amathathu anesixhenxe amagowuli emidlalweni elikhulu namashumi amabini. “
“Okwenzeka eqeleni kwahlukile. Umqeqeshi okhoyo ubuyise into ebikade idingeka kwiisizini ezigqithileyo. Masithembe ukuba siza kubona iManchester ehlaziyekileyo ngenxa yabadlali abalambele impumelelo. Kufuneka ibuyele kwiChampions League iphelise ubunganga beLiverpool neManchester City,” utshilo uMcCarthy. Kwelinye icala, uErick ten Hag uchaze isizathu esibangele afune uBenni kwiqela lakhe labaqeqeshi. “Bekusekho isithuba ebendifuna ukusivala. Besifuna umntu owahlukileyo. Simfumene loo mntu kuBenni ngoba ungumqeqeshi kwinqanaba eliphezulu futhi wayeyifolosi ngeentsuku zakhe. Uza kugxila kwiindlela iifolosi emazidlale ngayo – kodwa akuphelelanga apho ngoba indlela yethu yokudlala kufuneka ibe mbaxa,” utshilo uTen Hag.
Ixhegwazana ligqumze uSASSA