UBenni McCarthy uphume eyekelele ubuso eKing Zwelithini emva kokubethwa kweCape Town City

Emiliano Tade of AmaZulu FC is challenged by Mpho Matsi of Cape Town City FC during the Telkom Knockout Cup Last 16 Amazulu FC and Cape Town City FC on the 23 October 2018 at King Zwelithini Stadium,Durban/ Pic Gerhard Duraan/BackpagePix

Nakubeni umlo
wokuzibekela indawo kwiTelkom Knockout ubuphakathi kwaMaZulu neCape Town
City
– kodwa owona mlo
ubuphakathi kwabaqeqeshi abaziitshomi – uBenni McCarthy noCavin Johnson. UBenni
uphume eKing Zwelithini Stadium eyekelele ubuso emva kokubethwa kweCity ngo’2-0
ngaMaZulu kumdlalo obunika umdla kakhulu eKing Zwelithini Stadium ebusuku
namhlanje. Ifolosi yase-Argentina, u-Emiliano Tade, ubhakuzelise umnatha
kumzuzu wamashumi amathandathu emva kokunikelwa ibhola nuBonginkosi Ntuli
emhlabeni kanozinti. Igowuli lesibini lingene emva kokuba uKwanda Mngonyama
egwaze umkhonto ekhaya.

Umdlalo ubumhle,
omabini amaqela edlala umdlalo obalekayo. Amathuba ebekhona macala – kodwa nguMarc
Van Heerden ophantse wawabeka endaweni entle AmaZulu. Kulandele uNtuli – kodwa ngelishwa
lhe ibhola yakhe ichwethelwe ecaleni nguKeanu Cupido. Khange iziyekele nayo iCape Town
City
. Kude kwayiwa
kwixesha lokuphumla kungekho gowuli ebhodini. Izinto zijike kwisiqingatha
sesibini. Iifolisi zikaCavin Johnson zifake uxinizelelo ngamandla bade
banikezela abadlali beCity emva. Iqela likaBenni McCarthy alikaphumeleli namnye
umdlalo emva kokuphumelela iMTN 8 kwinyanga egqithileyo eMoses Mabhida Stadium.
UBenni uthe uza kuthetha nabadlali bakhe ngoba kufuneka imeko elikuyo iqela
lakhe kufuneka iguqukile.

Athelekiswe ngolu hlobo kwiTelkomKnockout:

AmaZulu vs Orlando Pirates

Baroka FC vs Mamelodi Sundowns 


Kaizer Chiefs vs SuperSport United

Maritzburg United vs Bidvest Wits

 

AmaZulu FC: Mbatha,
Sikhakhane, Mabiliso, Ouro-Okoriko, M.Gumede, Daroph, Vilakazi, Van Heerden,
Karur,  Tade, Ntuli.

Amalalela: Josephs,
Slawula, Morton, Sithebe, Ncobeni, Cele, Khenyeza.

Cape
Town
City
: Stephens,
Mkhize, Edmilson, Cupido, Kwanda, Matsi, Nodada, Kateregga, Links, Martins, Mthembu.

Amalalela: Leeuwenburgh,
Seedat, Kewuti, Roberts, Modise, Nana, Patosi.