Umqeqeshi waMaZulu, uBenni McCarthy, uyazi ukuba iqela lakhe liza kunyuka unqantsa xa lidibana neTP Mazembe emdlalweni weCaf Champions League namhlanje eMabhida Stadium – kodwa into angayifuniyo, kukuba liyoyike. AmaZulu aya emdlalweni obalulekileyo ebonwa njengeedyongo ngenxa yokuba ayaqala ukuthatha inxaxheba emidlalweni yeCaf Champions League. Nangona kunjalo, uMcCarthy ulungisa abadlali bakhe ukuze bangene ebaleni bezithembile emdlalweni wokuqala kumjikelo wesibini weChampions League. Ngaphandle kwamathandabuzo, iTP Mazembe inethuba lokuza eMzantsi Afrika izithathele amanqaku ngoba inabadlali abanamava kakhulu – kodwa kwakufuneka isebenze ngokuphindeneyo ngoba AmaZulu ngeke anikezele lula kanjalo, ngakumbi eqeqeshwa nguBenni McCarthy.
“Ngeentsuku zam ndisengumdlali, ndandingakhathali nokuba usukaphi. Wonke umntu ndandimthatha ngoba uyalingana nam ebaleni. Ndifuna lo nto ebadlalini bam. Mabangazikhathazi ngembali yeTP Mazembe,” utshilo uMcCarthy. Nangona isiqalo besingekho sihle kwiChampions – kodwa AmaZulu azibonakalisile kumjikelo wokuqala ngokubetha iNyasa Bullets emdlalweni wesibini eMalawi. Ukuba angadlala ngendlela efanayo xa edibana neqela laseDemocratic Republic of Congo (DRC), kungangcono kakhulu ngoba kubalulekile ukuqokelela amanqaku ekhaya.
“Xa ndizithembile, ndandizazi ukuba ndingenza nokuba yintoni emdlalwni. Linjalo ke iqela lam. Sisenako okwakuzithemba kwesizini egqithileyo. Siza kudibana neTP Mazembe eyahlukileyo kakhulu kwiBullets. Kufuneka uye emdlalweni ulumkile futhi umdlalo uwulawule ngokwakho. Kungakuhle ukuba singafumana amanqaku apha ekhaya ngoba siza kutshutshiswa xa sifika eLubumbashi. Ayiseyiyo la Mazembe yayibabazwa kudala. Ukuba siwasebenzisa kakuhle amathuba, singayigqiba yonke into kulo mdlalo usekhaya,” utshilo uMcCarthy. AmaZulu akhe asokola kwiDStv Premiership engaphumeleli – kodwa ayaswabuluka noko ngoku.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!