UBenni McCarthy uthi ukukelema kweSuperSport akumxhalabisi nakancinci

Benni McCarthy, head coach of Cape Town City during the 2018 MTN 8 Cape Town City FC Media Open Day at Hartleyvale, Cape Town on 25 September 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Olu lusuku
olubalulekileyo kakhulu kuBenni McCarthy njengomqeqeshi osakhulayo. Ukuba iqela
lakhe likwazile ukubamba indebe yeMTN okokuqala namhlanje – lo nto iya kumnika
udumo njengomqeqeshi ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kanti nayo iCape Town City iya kuncedeka kakhulu ngoba lo nto
iyakuthetha ukuthi yenze inkqubela encomekayo kwiisizini ezintathu qha idlala
kwiPSL. UMcCarthy uthi uya emdlalweni wanamhlanje engabethelwa nanguDo –
akanalo nelincinci ixhala ngentetho evakalayo. Esengumdlali, wayesaziwa
lihlabathi lonke njengendoda engoyikiyo futhi esoloko inxanelwe impumelelo.
Namhlanje abaqeqeshi ababini, uBenni McCarthy noKaitano Tembo, baza kufumana
ithuba lokuthi qhiwu indebe okokuqala njengebaqeqeshi abatsha xa iCity
ixikixana neSuperSport United kumdlalo wokugqibela weMTN 8 ngentsimbi yesixhenxe
eMoses Mabhida Stadium.

Kulindelwe lukhulu
kula maqela omabini ngabalandeli bebhola ekhatywayo. Okwenza umdlalo ophakathi
kweSuperSport United
neCape Town
City
uthembise kakhulu kukuba
umdlalo wokugqibela weMTN ubudlalwe kwangawo la maqela mabini. Yaphumelela
iSuperSport – kodwa ngoku iCity ikhangela indlela yokuziphindezela. Umqeqeshi
weCity uqule waligangatha elakhe ngoba ufuna ukuqinisekisa ukuba iqela likaJohn
Comitis ligoduka nendebe. “Akukho xinizelelo nakubeni sidlala umdlalo
wokugqibela weMTN 8 ityeli lesibini. Siwulungiselele umdlalo ngoba yinto
ebesiyifuna kwasekuqaleni. Ekuqaleni kwam ukuqeqesha ndazixelela okokuba soze
ndilinde iminyaka elishumi ukuze ndilwele iindebe. Ndikunyaka wesibini, nalo
iqela lidlala umdlalo wamagqibela kankqoyi ityeli lesibini. Liyifanele iqela
indawo elikuyo kwaye ndifuna liphumelele ngoba andifuni qela elibethwa
kwimidlalo yokugqibela oko,” utshilo uMcCarthy ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki.

Iyingozi iSuperSport
United. Kwiveki ephelileyo ivuthulule iBlack Leopards ngo’4-0, lo nto iyinike
amandla phambi komdlalo wanamhlanje. Kanti ke nayo iCity ifumene amandla emva
kokubuya ngasemva kumdlalo ebambene ngo’2-2 kuwo ne-Orlando Pirates kwiveki
ephelileyo. “Sobe kube lula ngoba iSuperSport ingenile egiyeni futhi idlala
umdlalo ophucukileyo. Kodwa ngeke ndizikhathaze ngendlela edlala ngayo ngoba
ayibalulekanga lo nto kuthi. Siye saqwalasela indlela esidlale ngayo nayo
kwimidlalo emibini edlulileyo. Indlela edlala ngayo iSuperSport ayitshintshi –
kodwa thina sijonga iindawo engenamandla kuzo,” utshilo uBenni.