UBenni McCarthy uthi ukulungele ukunceda AmaZulu!

Emva konyaka engasaqeqeshi, uBenni McCarthy uthi ukulungele ukunceda AmaZulu azimisele ukubuyisa iintsuku zakudala phantsi kwesikhokelo sikaMnu. Sandile Zungu. UMcCarthy, 43, ubhengezwe njengomqeqeshi omtsha woSuthu ekuqaleni kwale veki emva kokubeka phantsi kuka-Ayanda Dlamini kwiveki ephelileyo ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo. Ethetha neentatheli eGoli, uMnu. Zungu uxele sizathu esibangele akhethe uMcCarthy nakufunayo kwiqela lakhe.

“Asikwazanga ukuyifihla into yokuza kukaBenni kuMaZulu. Into engeyomfihlo: sifuna iqela lidlale kakuhle ebaleni. UBenni ngumntu ongakuthandiyo ukubethwa, nathi sinjalo. Uthanda ukuphumelela, nathi sifuna kube njalo – kodwa hayi nokuba kukanjani. Asiyifihli, sifuna AmaZulu abekwiTop 4 aphinde abe lelinye lamaqela amakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika. Siyayazi iRome ayakhiwa ngosuku olunye – kodwa ke kufuneka kubekho umntu obeka isiseko,” utshilo uMnu. Zungu echulumancile.

“Ndiyambulela usihlalo ngokundithemba. Uwubeke wacaca umbono wakhe neenjongo zakhe. Khange kube nzima nakum ukwamkela ngoba uthethe ngento eza kuguqula ubomi babadlali abasakhulayo abaza kudlalela AmaZulu kwiminyaka ezayo,” utshilo uMcCarthy.

Ufike kakuhle ke kambe AmaZulu efumene iziqwayi zabadlali eziquka uSiphiwe Tshabalala, uPhakamani Mahlambi, uAugustine Mulenga, uLuvuyo Memela, uXola Mlambo noSiphelele Mthembu abekhe wasebenza naye kwiCape Town City awaphumelela indebe yeMTN8 kunyaka wesibini eyiqeqesha phambi kokuhamba kunyaka ophelileyo. “Usihlalo ufuna iTop 4 – kodwa ezam iinjongo zingaphezulu kwaleyo into. Andisenguye umntana ogaqayo ngoku. Ndafunda ukuhamba ndisengumqeqeshi weCape Town City. Ndingabaleka njengo-Usain Bolt ngoku. Singayenza into efunwayo ngoncedo lwabadlali ngokukhawuleza kunoba sicinga,” utshilo uMcCarthy.

“Bahle abadlali abathengwe liqela. Lo nto iyabonisa ukuba iqela lifuna ukulwela indawo endilisekileyo kwiPSL – hayi ukongeza inani. Nyhani iqela lifuna indawo ephezulu. Emsebenzini wam wokuqala njengomqeqeshi ndenze umsebenzi omhle,” utshilo uMcCarthy, ekulindeleke abekhona xa AmaZulu esamkela iChippa United ngempelaveki.