UBenni McCarthy uza kulola iifolosi zeManchester United

UBenni McCarthy esaqeqesha AmaZulu kwisizini egqithileyo. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Iingxelo ezithe tshitshilili zithi igqala lebhola elaziwayo laseMzantsi Afrika, uBenni McCarthy, lityikitywe yiManchester United njengomqeqeshi weefolosi. UMcCarthy uza kusebenza nomqeqeshi weManchester United omtsha, uErik Ten Hag. Njengokuba esithi gqi kwiqela elikhulu eNgilane, uMcCarthy ebekhululwe ngaMaZulu phambi kokuphela kwesizini egqithileyo yeDStv Premiership. Noxa uMnu. Sandile Zulu wabalula iziphumo ezingancumisiyo njengonobangela wokukhululwa kukaMcCarthy – kodwa yena umqeqeshi wawaphakamisa AmaZulu ngoba wavala isizini ka-2019/20 ewabeke kwindawo yesibini futhi aya nakwiCAF Champions League – into angazange ayifumana embalini yawo ebholeni.

Ngoku uMcCarthy kulindeleke alole iifolosi zeManchester United ezifana noMrcus Rashford, uAnthony Martial noCristiano Ronaldo ekuvakala ukuba ukhangela iqela elitsha eYurophu phambi kokuqala kwesizini entsha ye-English Premier League. UMcCarthy, 44, yindoda eyazenzela igama eYurophu kumaqela ohlukeneyo. Phakathi kwamaqela awadlaleleyo kukho iAjax Amsterdam, iCelta Vigo, iPorto phambi kokuya eNgilane – apho adlalele khona iBlackburn Rovers neWest Ham. Amanye amagqala ebhola ekuvakala ukuba uTen Hag uwakhwebele kwiManchester United aquka uMitchell van der Gaag, uSteve McClaren no-Eric Ramsay.

Akayodyongo uMcCarthy kwicala lezokuqeqesha. Wenze izifundo zakhe zokuqeqesha eYurophu akugqiba wabuyela ekhaya eMzantsi Afrika – apho axhuzule imikhala esekrancukrancu kwiCape Town City. Eminyakeni emibini ayichithe kwiqela laseKapa, uMcCarthy uqhayisa ngokuba wayishiya nendebe yeMTN8. Ngenxa yokuqhuba kwakhe kakuhle kusekutsha kunjalo ebomini bakhe njengomqeqeshi webhola ekhatywayo, uMcCarthy ebephakathi kwabantu ebekujongwe ukuba bangaqeqesha aBafana Bafana kunyaka ophelileyo phambi kokukhethwa kukaHugo Broos onamava ngaphezulu kunaye. Kobu busuku, iManchester United iqinisekisile ukuba uMcCarthy uqeshiwe.