UBenni noMuhsin bayaxhwithana

UBenni McCarthy, ongumqeqeshi weCape Town City ephendula uMuhsin Ertugral, ongumqeqeshi we-Ajax Cape Town kumdlalo obubanjelwe eCape Town Stadium umfanekiso: Chris Ricco/BackpagePix

Idabi laseKapa ebeliphakathi kweCape Town City ne-Ajax Cape Town belinzima ngeyona ndlela imangalisayo – kodwa elabaqeqeshi ngaphandle kwebali lelona belinzima ngakumbi.

UBenni McCarthy oqeqesha iCitizens noMuhsin Ertugral ofike kutshanje kwi-Urban Warriors baxhwithene okwemiqhagi ngaphandle kwebala kwiveki ephelileyo.

UMcCarthy unikwe ikhadi elibomvu kumdlalo iCity ebethe kuwo i-Ajax ngo’1-0 eCape Town Stadium ngenxa yokunukuneza * -Ertugral endaweni yakhe.

Nangona ukhuphiswano okanye idabi lokubanga iKapa kula maqela iyinto entsha – kodwa ubutshaba obuphakathi kwawo bunzima futhi benza kubekho umtsalane kakhulu kumdlalo wawo.

Kwiveki ephelileyo iqela likaBenni lisigcinile isidima salo sokungabethwa yi-Ajax kwimidlalo emine yonke.

UMuhsin Ertugral, ongapholanga naye kwelakhe icala, uthi isohlwayo asifumeneyo uMcCarthy simfanele kwaye kufuneka afunde indlela yokuziphatha.

“Kufuneka afunde indlela yokuziphatha kakuhle, uyacaca ukuba usengumntwana. Kwixesha elizayo ndakumphathela izinto zokudlala,” utshilo * -Ertugral.

“UBenni wayengumdlali omkhulu ngexesha lakhe – kodwa ngoku kufuneka abenesimilo. Ikrweliwe imigca phaya, ushiye indawo yakhe wazondixelela ukuba andiyazi into endiyenzayo. Kudala ndingumqeqeshi, abantu abafana naye sibajula ngaphandle kwebala msinya,” utshilo * -Ertugral.

Lo ka-Ertugral uxelele iintatheli ukuba ufike elindiwe nguBenni ngaphandle ebaleni ozame ukucacisa – kodwa loo ngxoxo iye ayahambela ndawo kuba engafunanga kumamela into ayithethayo.

Umqeqeshi weCape Town City uyiphendule intetho eyenziwe ngu-Ertugral emtyhola ngobuntwana.

“Yah, kakade ndisenguye umntwana kwicala lezokuqeqesha – kodwa andibetheki lula. Kufuneka ndithule na xa abadlali bam bexhatshazwa ebaleni? Soze ndithule mna kusonakala, tuu!” utshilo uBenni.

Kumdlalo olandelayo, i-Ajax Cape Town esemsileni kwiPSL, idibana neFree State Stars ebivuthululwe ngo’3-0 yiMaritzburg United.

Yona iCape Town City iya kwiBloemfontein Celtic kumdlalo olandelayo.

pedro.mapelo@inl.co.za