Umbutho webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSafa, umisele ikomiti enabantu abanolwazi olunzulu lwebhola ekhatywayo abazakuthi bakhangele umqeqeshi omtsha weBafana Bafana. Le komiti inamalungu aliqela aquka uFarouk Khan, uButi Mathathe, Anna Nyman, Niel Tovey noyintloko yale komiti uNatasha Tsichlas – onikwe uxanduva lokuhluza amagama wabagqatswa abafanele esi sikhundla sitshisayo.
Umongameli weSafa, ugqirha Danny Jordaan, ingqonyela yeSafa, umnu. Dennis Mumble nesekela mongameli u-Elvis Shishana – bazakuthi babe yinxalenye yale komiti nabo.
Awona magama athe qabavu kweli gqiza labantu abanikwe lo msebenzi mkhulu kangaka nguLucas Radebe noBenni McCarthy.
URoo ngomnye wamadoda azibonakalisileyo kwibhola ekhatywayo esadlalela Amakhosi, kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika naseNgilane – apho wayenguKapteni weLeeds United khona. Apha eMzantsi Afrika wayeyintsika eyomeleleyo yeKaizer Chiefs phambi kokubonwa kwakhe eYurophu.
Yena uBenni ngoyena mdlali kwibhola ekhatywayo othe waqaqamba ozalwa apha eMzantsi Afrika othe wadlala kumazwe aseYurophu kule minyaka ilishumi elinesihlanu edlulileyo. Uphumelele iindebe eziliqela emva kokufaka amagowuli aliqela ngendlela engenambaliso, uhambe phambili ngokufaka amagowuli kwiBafana Bafana ngexesha lakhe – kanti ugqibezele izifundo zokuqeqesha kutsha nje eYurophu.
UNeil Tovey ngomnye umakhwekhwetha ozibonakalise kwiChiefs nakwiBafana Bafana ngeentsuku zakhe zokudlala ibhola ekhatywayo. Kanti nguye owakhokela iBafana Bafana ngethuba uphumelela indebe ye-Afrika (Africa Cup of Nations) ngo’1996. UKhan yinkcutshe kwicala lokuvelisa abadlali abatsha.
“Sifuna le nkqubo ikhawuleze ngoba iBafana Bafana izakuxakeka kulo nyaka kakhulu. Kunee tumente ezifana neChan, Afcon neFIFA World Cup ekufuneka zilungiselelwe,” utshilo uJordaan.
ISafa ikhangela umqeqeshi omtsha emva kokugxotha uShakes Mashaba phambi kweKrismesi ka’2016.
Amagama apheleleyo: Benni McCarthy, Lucas Radebe, Farouk Khan, Clive Barker, Buti Mathathe
Neil Tovey, Natasha Tsichlas, Elvis Shishana, Dennis Mumble noDanny Jordaan.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!