UBenni ubeke ithemba lakhe kuTeko

Isekela mqeqeshi kwiCape Town City * -Ian Taylor, kunye nomqeqeshi weli qela uBenni McCarthy umfanekiso: Chris Ricco/BackpagePix

UBenni McCarthy ubeke ithemba lakhe kwigqala uTeko Modise njengomnye wabadlali abanokuthi balinike umkhomba-ndlela iqela lakhe ngenxa yamava anawo ebholeni.

ICape Town City izakudibana neBidvest Wits eyingozi kakhulu kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngo’20:00 ngoLwesihlanu eBidvest Stadium.

IWits iqokelele abadlali abasemgangathweni njengokuba izimisele ukukhusela indebe yayo njengeentshatsheli zePSL.

UMcCarthy ukuvuyele kakhulu ukuphumelela umdlalo wakhe wokuqala njengomqeqeshi weCitizens, ebethe iPolokwane City ngegowuli elinye kumdlalo weMTN8 obuseCape Town Stadium kwiveki ephelileyo.

Nangona kunjalo uBenni uvumile kusekho imfuneko yokuqinisa nokwenza iinguqu kwiindawo ezithile kwiqela lakhe phambi kokuqala isizini. Ukanti enye into eye yamxhalabisa kukwenzakala kukaModise.

Iindaba eziphuma kwinkampu yeCity zithi uModise uphilile kwaye uluqalile uqeqesho ngoLwesithathu.

“Asikabililo iqela eligqibeleleyo – kodwa ndizibonile iimpawu ezibonisayo okokuba abadlali bethu bangadlali umdlalo ophucukileyo,” utshilo uBenni emva kokuba iCity ibethe iPolokwane kwiMTN8.

“Siyifumene impumelelo yethu yokuqala. Ndichulumancile kakhulu kodwa kukho iindawo ekufuneka siqinise kuzo phambi kokudlala neWits ngoLwesihlanu,” utshilo uBenni.

UMcCarthy wakhelwe umkhanyo ngabantu abaninzi njengokuba enikwe ithuba lokuqeqesha iCape Town City nguJohn Comitis.

Okunye okujongwe ngabantu kukuba iqela lakuqhuba njani kule sizini entsha.

Eli qela laseKapa lenze iziqwenga kwisizini ngokuthi liphumelele iTelkom Knockout, livale nesizini likwindawo yesithathu phantsi kuka-Eric Tinkler oqeqesha iSuperSport United ngoku.

“Ndonelisekile yinkqubela esiyenzileyo. Emva abadlali bethu babambene – kodwa into efunekayo ngoku kukugxininisa phaya xa sihlasela. Kufuneka sigqibe ngalo iqela kungafikanga nexesha lokuphela komdlalo,” utshilo uBenni kutshanje.

pedro.mapelo@inl.co.za