UBenni ulindele amagowuli kuKermit Eramus!

Umqeqeshi weCape Town City, uBenni McCarthy, unethemba lokuba ifolosi yakhe entsha, uKermit Erasmus, uyakuthi akwazi ukufaka amagowuli. umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokuphoxwa kukungadlali kukaTokelo Rantie obekucingeleka okokuba uza kwenza isivuthevuthe kwibhola yaseMzantsi Afrika – ngoku uBenni McCarthy ubeka ithemba lakhe kumdlali wakhe omtsha uKermit Erasmus.

Lo mdlali, owayesenza iziqwenga phambi kokuya kwiqela laseYurophu, utyikitywe yiCape Town City phambi kokuphela kuka2018. Injongo yokusondeza ifolosi efana noErasmus kukusombulula ingxaki yokunqaba kwamagowuli kwiCity.

Nangona ezamile uSiphelele Mthembu othathwe kwiFree State Stars phambi kokuqala kwesizini eqhubayo – kodwa umsebenzi wakhe uwe nganeno kulowo ufunekayo okanye obulindelekile kwifolosi enamava njengaye.

Kubonakala ngathi uMcCarthy ukhangela indoda enokuthi incedise uAyanda Patosi – oyena mdlali axhathise ngaye kwicala lokufaka amagowuli.

Kwimpelaveki egqithileyo, iCity izuze amanqaku amathathu enyakeni omtsha emva kokubetha iSuperSport United ngo’1-0 emdlalweni obuseLucas Moripe Stadium.

UKermit ukwazile ukudlala wonke umdlalo okokuqala. Umqeqeshi weCity imshiye encumile indlela adlale ngayo uKermit kwaye ulindele amagowuli kuye.

“Indonwabisile indlela esidlale ngayo emdlalweni, ngakumbi njengokuba kungafakwanga gowuli kuthi. Siyakwazi ukufaka amagowuli – kodwa nathi sivuze. Kumnandi ukubuya namanqaku aphelele eKapa – kodwa ndingatsho ukuba sibe nentlahla,” utshilo uMcCarthy emva kokubethela iSuperSport endaweni yayo.

Ethetha ngomdlalo kaKermit, umqeqeshi uthethe wenjenje: “Ibingumdlalo wakhe wokuqala. Ndingathi iintshukumo zakhe ebaleni bezinika ithemba kwaye ubonakala njengomdlali oyilambeleyo impumelelo – kodwa ndixhalatyiswa kukonzakala kwakhe okubonakala bungenabuzaza. Ndiyathemba akukho nto ingako ngoba sifumene ifolosi eza kusinceda. Uza kusinika amagowuli futhi ayiqinise nendlela esidlala ngayo. Siza kubona ukuba asinakumbopha noPatosi na kweminye imidlalo. Ukuba umdlalo wabo ungadibana, angangcangcazela amaqela amaninzi kwiPSL,” utshilo uMcCarthy.

NgoMgqibelo, iCity yamkela iBaroka FC emdlalweni we-Absa Premier Soccer League ozakube useCape Town Stadium ngo’20:15. ABakgaga baya eKapa bethokombise iintloko emva kokubethwa yiBlack Leopards ngo’2-1 kwidabi laseLimpopo kwiveki ephelileyo.