UBernard Parker ufuna ukunceda abadlali abatsha kwiTS Galaxy

UBernard Parker ngumdlali weTS Galaxy. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Obekade edlalela Amakhosi, uBernard Parker, unethemba lokuphokozela abadlali abasakhulayo kwiqela lakhe elitsha ulwazi olungabanceda. Kwinyanga ephelileyo, uParker uzifumanele ikhaya elitsha kwiTS Galaxy emva kokuziqeqesha uthutyana kwinkampu yeSuperSport United ephantsi kwesandla sikaGavin Hunt. Ukuya kukaParker kwiqela laseMpumalanga kulandele emva kokuba ekhululwe yiKaizer Chiefs ayidlalele iminyaka engaphaya kweshumi. Abaphathi beChiefs bakhetha ukumkhulula ekupheleni kwesizini yeDStv Premiership ka-2021/22 ngoba isivumelwano sakhe sengqeho besiphelelwa ekupheleni kwenyanga yeSilimela. Ngoku uParker, 36, uzimisele ukunceda abanye abadlali abasenendlela ende abaza kuyihamba ebholeni ekhatywayo.

Amakhosi azama ukuzihlaziya emva kokungaphumeleli iindebe eminyakeni esixhenxe egqithileyo ebengeke abagcine abadlali abadala abafana noParker. Noxa engomnye wabadlali abenza indima ebonakalayo kwimpumelelo eyazuzwa yiChiefs ngethuba uStuart Baxter esaxhuzula imikhala phakathi kuka-2012 ukuya ku-2015. Ebuzwa ngezinto acinga ukuba iTS Galaxy ingazizuza kuye njengomdlali omdala. UParker uthethe wenjenje: “Ndiyidlalile ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu eYurophu. Mna ndidlalile kwiChampions League, iEuropa League nakwitumente yehlabathi njengomdlalo waBafana Bafana. Konke endikufunde kwezo ndawo ndinethemba lokutyala kubadlali abasakhulayo beTS Galaxy,” utshilo uParker.

“Eminyakeni emithathu okanye emine egqithileyo, uxanduva lwam ibingekokudlala ebaleni kuphela, bendixakathisa abadlali abasakhulayo ngolwazi. Nalapha ndingavuya ukuba ndingayenza lo nto,” utshilo uParker. Iyiqale kakuhle isizini entsha iTS Galaxy ngokungafaniyo nesizini egqithileyo esinde ezembeni kuyo. Emva kweminyaka emihlanu kwisizini eqhubekayo, iTS Galaxy ihleli kwindawo yeihlanu. Njengokuba ingekaphulukani namdlalo kule isizini, inethuba lokunyukela phezulu kwiDStv Premiership ukuba ingaphumelela xa idibana neCape Town City edikidiki emdlalweni oza kube ungempelaveki. Iqela likaEric Tinkler lifuna impumelelo emva kokukhutshwa kwiMTN8 kwiveki ephelileyo.