Inyukele kwindawo yesihlanu iKaizer Chiefs emva kokuba ibethe iSuperSport United ngamagowu amabini kwelinye (2-1) emdlalweni weDStv Premiership obutaka iintlantsi eLucas Moripe Stadium. Amagowuli omabini afakwe nguBernard Parker, owenze imbali ngokuba ngoyena mdlali ofake amagowuli amanintsi kwiChiefs ukusukela oko kwasungulwa iPremier Soccer League ebholeni yaseMzantsi Afrika.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela ebambene ngegowuli macala emva kwesiqingatha ebesingapholanga kwaphela. Amakhosi atsazise igazi kuqala ngebhola entle efakwe nguParker emva kokunikelwa nguKeagan Dolly obeyinkathazo phambili noKhama Billiat. Iphendule ngokukhawuleza iSuperSport ngegowuli elifakwe nguThamsanqa Gabuza onikelwe nguSipho Mbule.
Emva kwesiqingatha ebesibambene, amaqela asukelene kwisigaba sesibini. Khange kube mizuzu emininzi, uParker ubhakuzelise umnatha okwesibini atsho akhokela Amakhosi emdlalweni obalulekileyo. Abadlali beSuperSport abafana noMbule, uMokoena noFleurs bazamile ukubeka uxinizelelo kwiChiefs – kodwa abadlali bayo khange bavume kwade kwasekugqibeleni.
UStuart Baxter uyifulathele iLucas Moripe Stadium encumile ngoba iChiefs ibiphumelela umdlalo wesibini ilandelelana okokuqala kule sizinii eqhubekayo. Yona iSuperSport, ehleli kwindawo yesibini, iphose ithuba lokusondela kwiMamelodi Sundowns ehleli kwindawo yokuqala. Komnye umdlalo wanamhlanje, iChippa United iphume iphethe inqaku elinye eSisa Dukashe Stadium emva kokudlala ntanganye ngeqanda neSwallows FC emdlalweni wanamhlanje.
SuperSport United: Williams, Philips, Fleurs, Ditlhokwe, Bhasera, Lungu, Donn, Mokoena, Rayners, Mbule, Gabuza.
Amalalela: Xulu, Mkhwanazi, Mbatha, Waiswa, Webber, Rasebotja, Mahachi, Manziba.
Kaizer Chiefs: Akpeyi, Njabulo Ngcobo, Mathoho, Dube, Hlanti, Blom, Agay, Nange, Parker, Dolly, Billiat.
Amalalela: Petersen, Cardoso, Baccus, Frosler, Nkosingiphile Ngcobo, Kambole, Mabiliso, Mashiane, Sekgot.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!