UBernard Parker uncede Amakhosi kwakhona emdlalweni weDStv Premiership

UBernard Parker uncede iKaizer Chiefs ngegowuli ebethe ngalo iMartizburg United emdlalweni weDStv Premiership obuseGwala Stadium namhlanje: Umfanekiso: Rogan Ward/BackpagePix

Aqokelele amanqaku amathathu kwakhona Amakhosi emidlalweni elandelelanayo emva kokubetha iMaritzburg United ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obuseHarry Gwala Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Ukuqala komdlalo kuye kwalibaziseka ngento engaphaya kweyure ngenxa yokungasebenzi kwezibane ebaleni. Uye waqala umdlalo ngentsimbi yesixhenxe emva kokuba iinjineli zikwazile ukubangula ingxaki ezintanjeni zombane. Isiqingatha sokuqala siphelile kungekho qela elikwazileyo ukuwasebenzisa amathuba emdlalweni.

Bekufanele iKaizer Chiefs ihambe phambili emdlalweni emizuzwini embalwa uqalile ukuba uNjabulo Ngcobo ebengaphosanga ithuba eyedwa phambi kukanozinti weTeam of Choice. Ifolosi yaBafana Bafana, uBongokuhle Hlongwane, idlale umdlalo omhle kakhulu – kodwa into engavumanga ligowuli. Amakhosi nawo adlale kakuhle ngaphandle kokungasebenzisi kakuhle ibathwana lamathuba avelileyo kwisigaba sokuqala.

Nangona ingeyonto eyivumelayo iMaritzburg into yokulawulwa komdlalo lelinye iqela – kodwa Amakhosi ayenzile lo nto. Emva kwemizamo eyenziwe ngabadlali abafana noKeagan Dolly noKhama Billiat, igowuli lide lafumaneka ngentloko kaBernard Paker. UDolly udlale ibhola noBilliat bafumana uParker esendaweni entle emhlabeni kanozinti. Emva kokuba kufakwe igowuli, indlela ebidlala ngayo iTeam of Choice iye yatshintsha.

Ibidlala okweqela elifuna igowuli nokuphumelela. Ngelishwa layo, uEric Mathoho noDaniel Cardoso bebetshayela kwa nto eya ngakuDaniel Akpeyi ezipalini. Nangona iqela ebelidlalela ekhaya libethiwe – kodwa alingeke lityholwe ngokungazimiseli emdlalweni. Amakhosi anyukele kwindawo yesihlanu emva kokuzuza amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje. Yona iMaritzburg isahleli kwindawo yeshumi elinanye.

Maritzburg United: Engelhardt, Allie, Ndengane, Ritchie, Zumah, Ntshangase, Kewuti, Claasen, Graham, Hlongwane, Soukouna.

Amalalela: Petersen, Theron, L. Hlongwane, Daniels, Skelem, Bhengu, Human.

Kaizer Chiefs: Akpeyi, Frosler, Ngcobo, Mathoho, Cardoso, Mphahlele, Alexander, Nange, Parker, Dolly, Billiat.

Amalalela: Petersen, Agay, Sekgota, Dube, Nkosingiphile, Radebe, Mashiane, Castro, Kambole.