Ubethe iintak’ezimbini ngelity’ elinye uYanga Sigqibo

Yanga Sigqibo. Umfanekiso: Facebook

Imbethi manqindi yaseDuncan Village, uYanga Sigqibo, yintshatsheli efanelekileyo kwakhona emva kweveki enzima abethe kuyo iintaka ezimbini zonke ngelitye elinye.

USigqibo uyigcinile intshinga yakhe yeWBO Intercontinental Junior bantamweight emva kokubetha uChris Paulino emlweni onzima obuyinxalenye yetumente ebuququzelelwe yinkampani yabathelekisi, iRumble Africa Promotions, ebibanjelwe e-Orient Theatre, eMonti.

Ukuba ebengomnye umntu, uYanga bekufanele ukuba uye waphazamiseka lula phambi komlo wempelaveki egqithileyo ngenxa yesimangalo esithe gqi qhaphu phambi kosuku lomhla womlo.

Inkampani yabathelekisi bakhe bakuqala, iXaba Promotions, ibalekele enkundleni ephakamileyo yaseMpuma Koloni ngelizama ukumisa umlo kaSigqibo noPaulino.

Siye sakhatywa ngeendleko esosicelo sayo iXaba Promotions ngoko nangoko yinkundla.

Okuye kwacaca kukuba iinjongo zeXaba Promotions ibikukuqhobosha inkqubela kaSigqibo – kodwa elo linge lomzuzu wokugqibela liye laphanza.

Ukuba uSigqibo ebebethiwe nguPaulino, ngaphandle kwamathandabuzo abalandeli bamanqindi bebeza kuqonda ukuba ufanele ngenxa yeziganeko eziphakathi kweenkampani ezimbini eziphethwe ngabantu abahleli bekrwempana ngenxa yonobenani.

UYanga umbethe wanaba uPaulino kumjikelo wesithandathu.

Kuye kwanyanzeleka usompempe awuchithe umlo ngoba bekucace nakuthathatha okokuba akasenawo amandla wokuqhubela phambili nokulwa uPaulino.

Emlweni yonke into uyenze kakuhle kwaye ibinguYanga olawule yonke imijikelo.

Kwenzeka yonke into ebithethwe ngomnye wabaqeqeshi bakaYanga, uLonwabo “Lonksta” Witbooi, oqhayisele eli phephandaba kwiveki ephelileyo ngelithi ngeke awugqibe umlo uPaulino okanye uya kugoduka onzakele kakhulu.

Ngokokutsho kukaWitbooi, imbethimanqindi yakhe yenze amalungiselelo asemgangathweni ophezulu ngoba umlo ububaluleke kakhulu kubo bonke abantu benkampu kaSigqibo.

Akukacaci okokuba leliphi inyathelo elilandelayo eliza kuthathwa yinkampu kaSigqibo.

Irekhodi lika Yanga lihle kakhulu kwaye kuninzi okusezayo kuye.