Ubethiwe uMzantsi Afrika kumdlalo wokuqala yiSweden

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika , iBanyana Banyana, liphulukene nomdlalo walo wokuqala kwi-2016 Rio Olympics emva kokubethwa yiSweden ngo’1-0 e-Olympic Stadium ngoRhatya lwanamhlanje.

Ziintokazi zelizwe laseSweden eziphantse zenza idemesha kwimizuzu emihlanu kwisiqingatha sokuqala – kodwa ngelishwa lazo ibhola ebikhatywe ngumdlali okhathazayo kakhulu, uSofia Jakobsson, khange ingene emnatheni nangona engakhange ayibone unozinti woMzantsi Afrika – uRoxanne Baker.

Kuthe xa isigaba sokuqala sisiya ekupheleni iBanyana Banyana yaphulukana nexhadi layo uShiwe Nogwanya ngenxa yokwenzakala. Endaweni yakhe kungene uLinda Motlhalo.

Siphele kungekho gowuli macala isigaba sokuqala somdlalo. Kodwa kwesesibini zijikile izinto, iqela lesizwe loMzantsi Afrika libuye ngamandla futhi kubonakala ukuba abadlali badlalela ukuwuphumelela umdlalo.

Ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesine[74], uBaker, ubhutyuze ibhola ebekufanele ukuba uyibambile – uNilia Fischer uyivalele emnatheni lo bhola, ngalo ndlela yaba ihamba phambili iSweden. Bazamile abadlali bakaVera Pauw ukufumana igowuli lokulinganisa – kodwa izinto azabahambela kakuhle.

Sweden: Lindahl, Sembrandt, Fischer, Eriksson, Dahlkvist, Schelin (C), Asllani, Jackobsson, Rolfo, Samuelsson, Seger.

South Africa: Barker, Ramalepe, Vilakazi, Matlou, Van Wyk (C), Makhabane, Malherbe, Dlamini, Nogwanya, Seoposenwe, Jane.