Ubethwe wacela uxolo uSimphiwe Khonco

Ilinge likaSimphiwe Khonco lokubuya netayitile yeWBC aliphumelelanga.

Kwiveki ephelileyo, uKhonco ngaphandle kwelizwe loMzantsi Afrika, apho abethwe khona nguWanaheng Menayothin ngamanqaku emlweni weWBC ibuye yoyisiwe le mbethimanqindi yaseMthatha – kodwa ithi zininzi izinto ezifundileyo emlweni esuka kuwo.

“Ubunzima kakhulu umlo. UMenayothin yimbethimanqindi enamava kakhulu. Zininzi izinto endizifundileyo emlweni obuphakathi kwam naye.

Ibikokuqala ndisilwa ngaphandle kwelizwe lam kwaye ndicinga ukuba iza kundinceda lo nto ngoba iyandikhulisa njengembethimanqindi,” utshilo uKhonco.

UKhonco, 32, ubuye elizweni lasemzini evuma ukuba ubethiwe emlweni.

“Ubunzima umlo andifuni ukuxoka. Ndiqale ukuzibona kumjikelo wesixhenxe ukuba ndiyaphulukana nawo emva kokuba ndiwe phantsi. Ndithe xa ndifika ekoneni emva komjikelo wesithoba, wandixelela umqeqeshi wam uCollin Nathan ukuba ndisemva ngamanqaku. Ndiyamvuma yintshatsheli enamava futhi uyakwazi ukuphumelela kakuhle imilo uMenayothin,” utshilo uKhonco emva komlo.

OkaKhonco ubabulele abalandeli bakhe abamxhasileyo emfazweni yakhe noMenayothin.

“Umlo ubungavelanga kumabonakude, kodwa ndilivile ifuthe labemi belizwe lam kumakhasi onxibelelwano. Ndiyambulela wonke umntu ondixhasileyo. Ndiyakuxolisela ukungawuphumeleli umlo,” utshilo uKhonco.

Impumelelo kaMenayothin ithetha ukuthi unemilo engamashumi amahlanu anesine engazange waphulukana nomlo ukusukela oko waba yimbethimanqindi ehlawulwayo.

Ibilityeli lesithandathu uMenayothin ekhusela intshinga yeWBC yodidi lweNgcongolo. Ngelixa ibikokwesithandathu ephulukana nomlo uKhonco kwimilo engamashumi amabini anesihlanu ayilwileyo njengembethimanqindi.

Phantsi kwegama lakhe, uKhonco uphumelele intshinga yoMzantsi Afrika, eyeWBA Pan Africa, eye-IBO Inter-continental kunye neye-IBO yehlabathi.

isibhalo@inl.co.za