Ubhodl’ idangatya uDaniel Akpeyi emva kokuthunukwa ngabalandeli beChiefs!

Daniel Akpeyi of Kaizer Chiefs being congratulated by teammates during the Absa Premiership 2019/20 match between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs on the 29 February 2020 at FNB Stadium, Soweto Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Unozinti weKaizer
Chiefs, uDanile Akpeyi, ebebhodla idangatya ngomlomo emva kokunceda iqela lakhe
emdlalweni wayizolo. Amakhosi avule umsantsa emva kokubetha i-Orlando Pirates
ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obutshisa bhe eFNB Stadium emalanga
izolo. Indedeba yaseNigeria, uAkpeyi uyikhuphe engxakini iChiefs amatyeli
aliqela emdlalweni watsho wabavala umlomo bonke abo bebesoloko bengamthembanga
phambi komdlalo omkhulu. Emva kokwenza impazamo emdlalweni iChiefs eyabethwa
kuwo ngo’2-1 yiMaritzburg United kwinyanga ephelileyo – kwabakho abalandeli
abathi makubuye u-Itumeleng Khune – kodwa uErnst Middendorp ubeke ithemba lakhe
kuDaniel Akpeyi oye wazuza iwonga lomdlali oqaqambileyo kwidabi laseSoweto
izolo. “Ndifuna ukubulela amandla endiwanikwe nguYesu Krestu emdlalweni.
Ndifuna ukwabelana ngeli wonga nabaqeqeshi bam ngoba bona basoloko bendixhasa
ukusukela kokwenzeka kwiiveki ezidlulileyo,” utshilo uAkpeyi kwiSuperSport TV
izolo.

Okuye
kwacaca kukuba uAkpeyi zange akuthande ukugxekwa ngabalandeli emva kokudlala
neTeam of Choice. “Bathi xa abalandeli bendinikela umva bona (abaqeqeshi bam)
zange bandilahle. Siye emdlalweni sizixelele ukuba asinamtu osixhasayo.
Abalandeli basixhasa xa kumnandi kuphela, xa kukubi – babaziintshaba zethu. Ndiye
ndinaloo nto engqondweni yam emdlalweni. Ngethamsanqa, izinto zihambe kakuhle
kwaye ndinethemba lokuhle nakwilixa elizayo,” utshilo uAkpeyi. Ezingqondweni zabalandeli
beChiefs, uKhune usengoyena nozinti ophambili nangoba ekhe wahlala ixesha elide
engadlali ngenxa yokonzakala. “Ndifuna ukuyithetha le nto kwakhona, abalandeli
mabaxhase iqela lonke – hayi iziqu zabadlali abathile. Abantu mabohlukane
nokundithelekisa noKhune ngoba kum usengunozinti ophambili. Ukudlaliswa kwam
oko ndikubona njengethamsanqa. Makuxhaswe lonke iqela, hayi abadlali abathile,”
utshilo uAkpeyi izolo.