UBholi uzakuthoba amaxhala kwiSouthern Kings

Umqeqeshi weSouthern Kings, uDeon Davids sele ekungqinile ukuba basekhona abadlali beqela lakhe abasokoliswa kukwenzakala. Bobabini, uSti Sithole owenzakele engqinibeni, kunye noEdgar Marutlule owenzakele edolweni basacengana nokwenzakala kwabo. Esi sibini asizukwazi ukudlala kumdlalo phakathi kweeKings neeLions kule mpelaveki.

Bobabini abadlali abaziilocks, uSteven Sykes noJC Astle bebefumene ukwenzakala kumdlalo oophakathi kweeVodacom Bulls neeKings, nalapho bezibethiwe iiKings ngo’38-6.

Esi sibini akukacaci nokuba sizakudlala na sona ngoMgqibelo, kodwa kuzakuqinisekiswa phambi komdlalo. “Ezona ndaba zimnandi zezokuba, uThembelani Boli uzakulungela ukudlala kule mpelaveki, noShane Gate kulindeleke ukuba abuyele esizikithini sebala,” utshilo uDavids.

IiLions lelinye lamaqela aqhuba kakuhle kakhulu kwiSuper Rugby kule sizini, kwaye zizakuba yinto ibila kwiiKings. Lo mdlalo uzakudlalelwa eBhayi emva kwentsimbi yesihlanu ngoMgqibelo. Ukudlalela ekhaya kuzakuba yinkuthazo kakhulu kwiiKings ezisaphumelele umdlalo omnye kule sizini. Oyena mdlali uzakuba yingxaki kwiiLions nguElton Jantjies ekunzima kakhulu ukumthekelela into azakuyenza ngenqina lakhe.

IiKings zisahleli kwindawo yesine kwiSuper Rugby, into ethetha ukuba usemninzi kakhulu umsebenzi ekufuneka wenziwe.