UBilliat angafumana iwonga elikhulu kwiPSL

Njengokuba imidlalo ye-Absa Premier Soccer League isongiwe kwimpelaveki edlulileyo, ngoku kufike ixesha lokuvuzwa kwabadlali abadlale kakuhle nabancede amaqela ngokwahlukana kwawo.

IMamelodi Sundowns ziintshatsheli zePSL ka’2015/16 ngempelaveki edlulileyo. Omnye wabadlali ekulindeleke bagoduke befumene nguKhama Billiat. Le ndedeba yaseZimbabwe isebenze kakhulu kwisizini ka’2015/16 kwaye, ngoyena mdlali othe waqaqamba kokubini kwiqela lakhe nakwimidlalo nje ngokubanzi.

UBilliat lilungu elingurhasatsha kwiCBD ebigqugqisa kwimidlalo yePSL kwisizini ephelielyo. Umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, uthi nguBilliat ofanelwe liwonga lomdlali wonyaka kwiPSL.

Akuphelelanga apho ngoba uJingles unebhongo ngomsebenzi owenziwe ngumdlali wakhe. “UKhama udlale kakuhle kule sizini noKeagan Dolly. Bendithetha nabo kutshanje.

Ufumene iindebe ezine ngoku akwiSundowns. Ndamxelela ngokuya wayesiza kwiDowns ukuba uzakufumana iwonga lomdlali ophambili kwiPSL, sasincokola nje ngalo nto. Nokuba akalifumenanga iwonga lomdlali wonyaka, kodwa kum unguye. Kweli wonga lomdlali wonyaka, uBilliat, uza- kukhuphisana noogxa bakhe uKeagan Dolly noHlompho Kekana. Eyedwa uKhama ufake amagowuli alishumi elinesibini. UDolly noKekana nabo badlale kakuhle kakhulu. Kwiwonga lomqeqeshi wonyaka uPitso ukhuphisana noGavin Hunt weBidvest Wits noMuhsin Ertugral weBlack Aces.

Amanye amwonga ame ngolu hlobo:

Absa Premiership Young Player of the Season (U-21): Aubrey Modiba, Rivaldo Coetzee, Sello Jaftha.

Absa Premiership Goalkeeper of the Season: Denis Onyango, Moeneeb Josephs, Shu-Aib Walters.

Absa Premiership Defender of the Season: Thabo Nthethe, Thulani Hlatshwayo, Vuyo Mere.

Absa Premiership Midfielder of the Season: Hlompho Kekana, Keagan Dolly, Khama Billiat.

Absa Premiership Players’ Player of the Season: Khama Billiat, Keagan Dolly, Hlompho Kekana.

Absa Premiership Footballer of the Season: Khama Billiat, Keagan Dolly, Hlompho Kekana.

Absa Premiership Coach of the Season: Gavin Hunt, Muhsin Ertugral, Pitso Mosimane.

Absa Premiership Goal of the Season: Ben Motshwari vs Chippa, Mpho Makola vs Chippa, Thabo Rakhale vs Aces.

Absa Premiership Top Goalscorer: Collins Mbesuma.

National First Division Top Goalscorer:

Thabiso Kutumela. MTN8 Last Man Standing: George Lebese, Cecil Lolo, Ndiviwe Mdabuka.

Telkom Knockout Player of the Tournament: Thabo Nthete, Denis Onyango, Bongani Zungu.

Nedbank Cup Young Player of the Tournament: Duminsani Ngwenya, Oscarine Masuluke, Ndivhuwo Ravhuhali.

Nedbank Cup Player of the Tournament: Jacky Motshegwa, Jeremy Brockie, Tendai Ndoro.

MultiChoice Diski Challenge Player of the Tournament: Khayelihle Shozi, Liam Jordan, Sibusiso Sibeko.