UBilliat ucinga ngekamva lakhe kwiDowns

Umdlali ophambili kwiMamelodi Sundowns, uKhama Billiat, uthi udinga ixesha ukuze azokwazi ukucinga kakuhle ngekamva lakhe.

Le ndedeba yaseZimbabwe izibonakalisile kakhulu kule sizini ukuba ngokwenene ngoku inguphopho ebholeni, ngokuthi idlale indima ebaluleke kakhulu kwimpumelelo yeSundowns. Kuvakala iindaba ezithi lo mdlali uhlaselayo ufunwa phesheya kolwandle ngamaqela ohlukeneyo.

Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu uyinxalenye yamadoda amathathu ateketiswa ngegama elithi “CBD”; Leonardo Castro, Khama Billiat noKeagan Dolly, athe athatha iSundowns ayibeka kwelinye inqanaba kule sizini.

Ngaba badlali bobathathu abafake amagowuli amaninzi eDowns. Kukho iimpawu ezibonakalisa ukuba uBilliat akafuni kuthatha isigqibo engxamile, kwaye azakuthi azisole ngaso emva kwexesha. Yiyo lo nto esithi phambi kokuba athathe isigqibo ngeyona ndawo azakudlala kuyo kwisizini ezayo uzakuthetha nabantu abanomfutho nabasondeleyo kuye.

“Okwangoku andazi nokuba kuzokwenzeka ntoni, yinto le endizimisele ukuyiqwalasela ekupheleni kwesizini. Ndizakuhlala phantsi nomanejala wam, umqeqeshi neqela lam ukuze sibonisane ngendlela eya phambili. Andingxamelanga nto. Wonke umntu uyakufuna ukudlala phesheya, kodwa kufuneka umntu aqiniseke ngesigqibo asithathayo,” utshilo uBilliat.

Ngenxa yeminyaka kunokwenzeka lo mdlali aphethe esiya kwiqela eliphesheya kolwandle, kodwa kunokwenzeka nayo iSundowns ithethe naye ngoba imali ayiyongxaki kuyo futhi inalo nelungelo lokwandisa isivumelwano sayo noBilliat ukuba iyathanda.

Ukuba uBilliat ukhetha ukuya phesheya uyakuba ngumdlali wesibini weeBrazillians, elandela uBongani Zungu osele etyikitywe liqela lasePortugal.