UBilliat uyibeke endaweni entle iMamelodi Sundowns

Amagowuli
amabini afakwe nguKhama Billiat ancede kakhulu iMamelodi Sundowns ngethuba
ibetha iBidvest Wits ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe
eBidvest Stadium kobu suku. IDowns icime intlantsi yeWits ebisavuyela ukufumana
indawo kumdlalo wekugqibela kwiTelkom Knockout emva kokubetha iKaizer Chiefs
kwiveki ephelileyo. Izinto zijikile kwisigaba sesibini emva kokufaka kukaKhama
Billiat othe wangcangcazelisa umnatha izihlandlo ezibini.

Isiqingatha
sokuqala siphele kungekho qela lifuna ukugoba uphondo. UDarren Keet ngoyena
nozinti ebexakekile kulo mdlalo ngoba iSundowns yiyo ebenamathuba emdlalweni.
Uvale ibhola ebidlalwe kakuhle nguSibusiso Vilakai noThapelo Morena. Uthe akubona
ukuba izinto azilihambeli kakuhle iqela lakhe uPitso Mosimane, ufake uBilliat,
obeluncedo kakhulu kwimpumelelo yeDowns, ngelikhangela indlela yokudiliza
udonga lweWits. Kwangoko umdlalo kaBilliat noPercy Tau phambili uye wadiba
kwatsho kwaveka amagowuli amabini. Amasandawana anyukele kwindawo yesine
kwiPSL, logama yona iWits ihleli kwindawo yesibini ukusuka emsileni. Komnye umdlalo
iCape Town City
ibambene neBaroka FC ngo’1-1 kumdlalo obubanjelwe e-Athlone Stadium.

Bidvest Wits: Keet, Frosler, Ntshangase, Mkhwanazi, Tlhone
(28. Keene
66’), Mlambo, Monare, Klate, Hlanti, Pelembe (12. Pule 70’). Gamal.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Ngcongca, Soumahoro, Madisha,
Langerman, Mabunda, Kekana, Manisya, Tau (28. Laffor 86’), Morena (33. Billiat
57’), 11. Vilakazi (18 Zwane 80’).