UBlack Friday uwaqhumisele ngothuli amahashe eDutywa!

Emva kwethuba elide imidlalo entlobontlobo ingasadlalwa ngenxa yeKhorona ephethe mbengwana izizwe zehlabathi, imidlalo ethile sele ibuyele kwakhona emabaleni. Eminye yaloo midlalo ebuyeleyo ngumdyarho wamahashe asezilani. Kwiveki ephelileyo ngoMgqibelo, iinkambi zamahashe eziphume kwiindawo ngeendawo zikhuphisene kwamdaka iisali kwibala lakuBhomela, eDutywa, kwitumente yokuqala kulo nyaka emva kokunyenyiswa kwemiqathango yeKhorona.

Phakathi kwamahashe abe yinxalenye yetumente ibinguBlack Friday, uNomatyala, uKumkani, uMthwakazi, uG-String, uWhatsApp, uSomandla, uBuzani namanye. Okuqaphelekileyo kukuba inani lamahashe beliphantsi. Akothusanga oko ngoba ilizwe alikaphuncuki kubhubhane wesifo esaqhambuka eChina ekupheleni kuka-2019. Nangona kunjalo, amahashe abekhona akwazile ukubaleka imidyarho engaphaya kwemibini onwabisa nabantu abebekhona kwilali yakuBhomela.

Ihashe eliwaqhumisele ngothuli amanye amahashe ibe nguBlack Friday olandelwe nguDialogue, uTrigger noSangoma. UBlack Friday ugoduke nemali engaphezulu kwamawaka amabini erand (R2100) emva kokuqhuba kakuhle kuyo yonke imidyarho. Nangona imidlalo iququnjelwe kakuhle – kodwa ayenzekanga lo nto ngaphandle kweengxaki. Abantu bamahashe baphikisene ngezinto ezincinci njengesiqhelo ngenxa yokungahloniphi izivumelwano zabo ezifana nokubamba ixesha lokubalekisa amahashe.

UNksz. Anele Maphekula, ophakathi kwabantu abafuna imidyarho iphucuke, uthi kukho imfuneko yokuqwalasela indlela abaphalisi abenza ngayo izinto. “Thina bantu bamahashe asilibambi ixesha lemidyarho. Lo nto isenza singabonakali njengabantu abaqoqoshekileyo. Eyona nto esibetha kakhulu kukuba asiwucwangcisi umsebenzi wethu. Siyabakhwaza abantu, bangafiki ngethuba – kuthi ke xa beshiyiwe, ubone bekhalaza,” utshilo uMaphekula othe kukho isicwangciso sokuphucula izinto emahashini.