UBobby Motaung ucacisa okwenzeka phakathi kukaSamir Nurkovic neChiefs

UGavin Hunt akonwabanga ngenxa yeKaizer Chiefs engakwaziyo ukuphumelela imidlalo. Kodwa okuthe kwabonakala kutshanje kukuba iingxaki zakhe zongezelelekile ngoba ngoku kukho ingxaki kaSamir Nurkovic obekade onzakele. Emva kokuba iChiefs ibambene neBlack Leopards ngo’2-2 emdlalweni weDStv Premiership ngoLwesithathu wale veki, uHunt uthe uNurkovic uneeveki ezimbini zonke ephilile – kodwa kukho into embambileyo engadibenanga nokonzakala kwakhe.

Kwisizini ephelileyo, uNorkovic ebengoyena mdlali ebixhathise ngaye iChiefs nofake amagowuli wayo amaninzi. “UNurkovic uneeveki ezimbini zonke ephilile – kodwa kukho ezinye iingxaki ezikhoyo. Zingxaki ezo ezingalungiswa. Angadlala yena – kodwa masiyiyekele olunye usuku lo nto,” utshilo uHunt emva komdlalo eFNB Stadium kule veki. Emva kwemidlalo emithandathu kule sizini, Amkhosi aqokelele amanqaku amathandathu kuphela.

Kwinyanga ezigqithileyo, kukhe kwakho iingxelo ezithi uSamir Nurkovic uphakathi kwabadlali abafunwa yi-Al Ahly yaseYiphutha eqeqeshwa nguPitso Mosimane obekade eqeqesha iMamelodi Sundowns. Kubonakala ngathi lo nto iyamphazamisa umdlali waseSerbia osenesivumelwano sengqeshi seminyaka emibini neChiefs. Yayibeka yacaca ke iChiefs into ethi akathengisi uNurkovic – kodwa kuye kwanyanzeleka uBobby Motaung aphinde acacise.

“Kufuneka kubekho ofuna ukuthengisa nofuna ukuthenga. Amacala omabini kubekho ixabiso avumelana ngalo,” utshilo uMotaung ezama ukucacisa kwiSAFM kule veki. “Andifuni ukuxoka, umdlali uyaphazamiseka xa kusithiwa ufunwa liqela elithile. Kodwa ke yena unesivumelwano sengqesho seminyaka emithathu. Into esingasoze siyenze kwiChiefs kukuvala ucango xa umdlali efuna ukuhamba – kodwa xa sikhulula umdlali, kufuneka sibe sisazi ukuba kukho umntu oza kuthatha indawo yakhe. Angakhululwa kunyaka ozayo xa umqeqeshi emfumene omnye umdlali,” utshilo uMotaung.