UBobby Motaung ugawula amavila eNaturena!

Bobby Motaung

Umphathi weKaizer Chiefs, uBobby Motaung, uwaphethele izembe lakhe amavila eNaturena.

Sisixhenxe sonke esikhululweyo, kwamkelwa uPatric Mabedi njengesekela-mqeqeshi kwangaxeshanye.

IKaizer Chiefs izimisele ukutshintsha izinto kwisizini ezayo. Kwiveki ephelileyo, ikhulule uJohn Paintsil – obengumncedisi kaSteve Komphela.

Amakhosi akaqali ukwenza into enje, kwisizini ephelileyo akhulula inqwaba yabadlali – kodwa ngelishwa abangena kwiindawo zabo abasebenzanga eNaturena. Wayibeka yacaca gca kwitheko lokuvala isizini uKaizer Motaung into ethi abadlali abangadlalanga kwisizini edlulileyo bazakuhamba.

Abadlali abawelwe lizembe nguSiyanda Xulu, uLucky Baloyi, Camaldine Abraw, uLewis Macha no-Enocent Mkhabela okwiPlatinum Stars. Phantse bonke abadlali abakhululweyo boyisiwe kukumelana nobunzima bokudlalela iChiefs kwisizini ephelileyo.

UMichelle Katsvairo uzakuhamba ngemboleko kuze kuthi emva kwexesha kujongwe inkqubela yakhe. “Bonke aba badlali bebenezivumelwano neChiefs – kodwa ngoba abadlalanga kwisizini ephelileyo, sibone kulungile ukuba sibakhulule,” utshilo uMotaung.

Nangona kungekabikho badlali abathengiweyo eNaturena – kodwa kulindeleke kubekho iziqwayi zabadlali ezithengwayo phambi kwesiqalo sesizini entsha.

“Sigqibe kwelokuba siliqinise iqela lethu ukuze siyilungiselele ngokupheleleyo isizini ezayo. Ngenxa yabalandeli bethu, kufuneka siqinisekise ukuba asiziphindi izinto ezenzeke kwezi sizini zidlulileyo. Kungekudala, sizakube sisazisa amagama wabadlali abatsha,” uvale ngalo mazwi uMotaung.

UMabedi ubuyela eNaturena – apho wachitha iminyaka esibhozo ephumelela inqwaba yeendebe eziquka iMandela Cup yodumo eyaphunyelelwa yiChiefs ngo-2001.

“Ndiyakuvuyela ukubuyela ekhaya. Yinto enkulu kakhulu le kum, ndiyalibulela ithuba endilinikwa ngabaphathi beChiefs,” utshilo uMabedi.

Alikacaci kakuhle ikamva likaGeorge Lebese oxelele abalandeli bakhe kuTwitter ukuba ukuhamba akakuchasanga.

pedro.mapelo@inl.co.za