“UBobby Motaung usisigidimi seChiefs, izigqibo azithathwa nguye”

Kaizer Motaung, Chairman of Kaizer Chiefs during 2017 Carling Black Label Cup Fatalities Press Conference at PSL Offices, Johannesburg South Africa on 31 July 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Usihlalo
weKaizer Chiefs, uKaizer Motaung, uxelele iintatheli okokuba izigqibo
ngokwenzekayo eqela laseNaturena zithathwa sisigqeba esilawulayo – hayi uBobby
Motaung, oba sisigculelo sezithuko okanye izenyeliso rhoqo xa Amakhosi
engaqhubanga kakuhle. Abalandeli beChiefs baneengcwangu emva kokudlula
kweesizini ezine zonke lingafumananga nanye indebe. Okuthe kwenza izinto zambi
ngakumbi kukubethwa kweChiefs ngo’1-0 liqela elidlala kwaNational First
Division, iTS Galaxy, emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eMoses Mabhida
Stadium kwiiveki ezimbini ezigqithileyo. UMotaung uthi ukuba uBobby Motaung
ebengawenzi kakuhle umsebenzi wakhe – ngekudala engekho kwisikhundla akuso.

“Ungayijonga
imbali yethu, ukusukela mhla lasungulwa iqela – sonke sisigqeba, siba yinxalenye
yezigqibo naxa izinto zingahambanga kakuhle. Nakumba wokuthengwa kwabadlali,
ayingoBobby othenga abadlali. UBobby usisigidimi kwiChiefs, uyinxalenye yabantu
abathatha izigqibo. Izigqibo azithathwa nguye xa kuza kuthengwa abadlali,”
utshilo uMotaung emva kwentlanganiso namhlanje eGoli. Emva kokuba iChiefs ivale
isizini ikwindawo yethoba kwiPSL yaphoswa nayiNedbank Cup – kuye kwakho
ukungaqiniseki ngokugcinwa komqeqeshi – uErnst Middendorp. UMotaung akavumanga
ukunaba ngekamva lomqeqeshi wakhe ngaphandle kokuthi lowo ngumba ofanele
iChiefs – hayi abanye abantu.

Izolo
(NgoLwesibini), kuphehlelelwe isiqendu esitsha seCarling Black Label. Amakhosi
ebemelwe nguShaun Barttlet noWillard Katsande – yona i-Orlando Pirates ibimelwe
ngumqeqeshi wayo noHappy Jele. “Ekuqaleni kwakuthiwe akazukubakho umqeqeshi
wePirates. Sagqiba kwelokuba oosekela-baqeqeshi ngabo abaza kumela amaqela
omabini. Sibaxelele abaququzeleli ukuba ngeke sikwazi ukwenza iinguqu ngoba
sesacwangcisa kudala. Siza kwenza isibhengezo kwiiveki ezizayo malunga nezinto
ezintsha. Isikhalo sabalandeli abafuna ukuyikhalala iCarling Black Label
siyavakala – kodwa abalandeli bethu bokwenyani baza kuya emdlalweni weBlack
Label. ENgilane kukho amaqela angazange aphumelela nto iminyaka – kodwa
ayagcwala amabala xa edlala. Siyazi asiphumelelanga nto kule minyaka mine
edlulileyo – kodwa sizama ukuyilungisa lo nto,” uvale ngaloo mazwi uKaizer
Motaung.